UBobby Motaung uchaza isizathu sokuba kutheni iKaizer Chiefs ingasamfuni uPercy Tau.
Image: Backpagepix
Umanejala weKaizer Chiefs, uBobby Motaung, udize ukuba kutheni eli qela lingazange lilandele emveni kukaPercy Tau obengumdlali ebefunwe leli qela ngaphambili.
Lo mdlali weBafana Bafana akakho phantsi kwalo naliphi na iqela emva kokushiya iQatar SC yaseQatar kwaye bekukho amarhe okuba angaya kwiChiefs, edinga amava kwiqela layo elinabadlali abaninzi abaselula.
Emva kweengxoxo ezithile, iChiefs ngoku kuvakala ukuba baziguzulile kulo mdlali oneminyaka engama31 ubudala nababezokumfumana simahla ngeli xesha lokuthengwa kwabadlali.
"Ishishini lethu lebhola ekhatywayo liyahlekisa. Xa ufuna umdlali naxa siqala ukuthetha, [yena] aqale ukuthetha ngemali, akezi kwiqela lethu. Ayingomdlali wakho lowo," utshilo uMotaung ngethuba ethetha neSmash Sports kwikhasi labo likaYouTube.
"Xa uyithanda ibhola ekhatywayo, imali iya kuza. Ukuba uthi 'Eli liqela endifuna ukulidlalela' – siza kuxoxa ngezinye izinto kamva.
"Kodwa ukuba uqala ngokuthi, 'Uza kundinika malini?' loo mntu akasadlaleli uthando lwebhola. Eli shishini lindifundise loo nto. Umba womvuzo – Ewe, ufuna imali, kufuneka uhlawule imali yesikolo, yesondlo, kodwa into yokuthanda abantu, ukuncama izinto kunzima. Yinto enzulu. Ukuba awunawo umoya ofanelekileyo, ungabaleka okanye uyeke," utshilo uMotaung.
Njengokuba ngoku ukuya kwiChiefs kubonakala kungeyonto iza kwenzeka, uTau ubonakala ephelelwa ngamathuba, kuba iqela laseEgypt, iZamalek likhethe ukungamniki isivumelwano sengqesho. Ngokweengxelo, iimfuno zomvuzo kaTau zibonakala ziwabalekisa amaqela.
Enye indoda enethemba lokufumana isisombululo esikhawulezileyo kwimeko kaTau ngumqeqeshi weBafana Bafana, uHugo Broos, ozakube enethemba lokuba lo mdlali uza kuba ekhona kwaye elungele imidlalo xa kuphinda kuqala imidlalo ehlakulela iNdebe yeHlabathi ngenyanga yoMsintsi.