Umqeqeshi weKaizer Chiefs uCalvin Johnson kunye nomqeqeshi weOrlando Pirates uJose Riveiro kwihotele iMaslow eSandton emva kwenkomfa noonondaba, phambi kwedabi laseSoweto elilindelwe ngabomvu ngempelaveki. UMFANEKISO: Itumeleng English/ Independent Newspapers.
Umqeqeshi weOrlando Pirates, uJose Riveiro, ulumkise iintshaba zabo ezinkulu kwibhola ekhatywayo yaseMzantsi Afrika iKaizer Chiefs ukuba baza kudlala ngcono kumdlalo wedabi laseSoweto kunomdlalo bebewudlala neCape Town Spurs ngoLwesithathu.
Ekuqaleni kwale veki, iOrlando Pirates ibambene ngo’1-1 neCape Town Spurs ekhaya emva kokubeka ibhola emnatheni ekuqaleni komdlalo kodwa ayikwazanga ukulinqanda iqela laseKapa kwisiqingatha sesibini nto leyo ekhokelele ekubeni lifake igowuli lokulinganisa.
Ukudlala ntanganye akuphelelanga nje ekubeni iPirates iphoswe lithuba lokunyukela kwindawo yesibini, kodwa iye yawaphazamisa amalungiselelo ayo omdlalo wedabi laseSoweto ngenjikalanga yangoMgqibelo eFNB Stadium (15:30).
Kodwa uRiveiro ukholelwa ukuba amadoda akhe aza kunyusa iikawusi zawo kowona mdlalo mkhulu eMzansi phambi kwababukeli abangama-90 000.
Ngapha koko, iPirates iza kukhuthazwa kukuba iphumelele imidlalo emibini edlulileyo yedabi laseSoweto – kwiDStv Premiership nakwiNedbank Cup.
“Ndicinga ukuba siwuqale umdlalo ngendlela ebesifuna ngayo – sifake igowuli kuqala. Kodwa asikwazanga ukuwuphatha umdlalo kwimizuzu elishumi yokugqibela,” utshilo uRiveiro malunga nomdlalo neSpurs.
“Akwamkelekanga oko. Kufuneka silawule umdlalo wonke, kwaye singavumeli elinye iqela lizive lisenalo ithuba.
“Ingxaki kumdlalo neSpurs ibisisimo sengqondo, hayi indlela esidlale ngayo. Kodwa ndiqinisekile ukuba ngoMgqibelo izakuba yinto eyahlukileyo kuba inkuthazo yahlukile.”
IPirates iphumelele imidlalo emibini kwaye yadlala ngokulingana kwemibini kulo nyaka, enye yeempumelelo zabo iqinisekisa ukuba basenalo ithuba lokukhusela indebe yabo yeNedbank Cup.
Baqhuba kakuhle xa bethelekiswa neChiefs, efumene impumelelo yayo yokuqala kulo nyaka mtsha idlala neGolden Arrows ngoLwesibini, emva kokudlala ntanganye kathathu kuyo yonke eminye imidlalo yabo.
Kule midlalo emithathu iChiefs edlale ngokulingana iye yaphoswa yiNedbank Cup, oku kuthetha ukuba ikwisizini yethoba ingaphumelelanga ndebe.
“Indlela abaqhuba ngayo njengeqela ayonto esikwazi ukuyilawula. Bekutshiwo apha ukuba umdlalo awukho malunga nendlela eliqhuba ngayo iqela okanye iqela lokugqibela eliphumeleleyo, kodwa eyona nto ibalulekileyo kukuba ngubani onokwenza izinto ngokufanelekileyo ngolo suku,” utshilo uRiveiro.
“Ikakhulu imalunga nokungenzi iimpazamo kwidabi. Kodwa ndiyathemba kweli ityeli sizakuwabona omabini amaqela edlala ngcono kunedabi yokugqibela. Kwidabi yokugqibela, ndicinga ukuba siqhube kakuhle kwimizuzu engama-30 kuphela kwisiqingatha sokuqala.”
Ukusukela oko efikile kwiPirates, uqeqeshe iidabi ezine, waphumelela ezimbini kwaye akaphumelela ezimbini . Lo mqeqeshi waseSpain uthe wakubona ukubaluleka komdlalo wedabi laseSoweto ngosuku lokuqala efika eMzantsi Afrika. Ke ngoko, kubalulekile ukuba iqela lakhe lenze kakuhle.
“Imbali yawo omabini la maqela yenza ukuba idabi laseSoweto ibe yinto eyodwa ebholeni,” utshilo ngokubandakanyeka kwakhe kwidabi.
“Ukuba yinxalenye yomdlalo ofana nalo yinto ekhethekileyo kuthi sonke, kwaye ayinguye wonke umntu onenyhweba yokuba yinxalenye yawo.”
“Luxanduva olukhulu, ke ngoko sifuna ukuba kumgangatho apho sikwaziyo ukukhuphisana kwaye sifumane iziphumo ezintle.”
IPirates izifuna ngamandla iziphumo ezintle, ukuze idibanise amanqaku amabini ewaphosileyo ngoLwesithathu.
“Injongo yethu kukudlala kwiCAF Champions League kwisizini ezayo,” utshilo uRiveiro, ngokubaluleka kokuphumelela iveki neveki ukuze bagqibe isizini behleli kwindawo yesibini babuyele kolu khuphiswano lwamaqela eAfrika.
Eli nqaku liqale lavela kwi-IOL.