UMphathiswa weSebe lezoLimo eMpuma Koloni, uNonceba Kontsiwe nomfama uNandipha Sodwele.
Image: Olwetu Batyi/DOA
Umfama osemtsha uNandipha Sodwele, 30, uphume emagqabini kwiimbasa zoosomashishini ababhinqileyo, iWomen Entrepreneur Awards (WEA), nalapho uMphathiswa weSebe lezoLimo eMpuma Koloni uNonceba Kontsiwe ewonge amanina aqhube kakuhle kwicandelo lezolimo.
Ezi mbasa bezibanjwe ngoLwesihlanu, umhla we15 kweyeThupha 2025, eAbbotsford Christian Centre eMonti. Lo mfama usemtsha uphumelele kudidi lokusetyenzwa kwemveliso yezolimo waphinda waphumelela eyona mbasa inkulu (overall winner) – wagoduka neR100 000.
UKontsiwe unike iimbasa amanina anegalelo kuphuhliso loqoqosho nokudalwa kwamathuba emisebenzi kwezolimo ngeenzame zokuxhobisa, ukuqaphela, ukukhuthaza intatho nxaxheba nokuwonga amanina kweli candelo.
USodwele ungumnikazi weNolandumbinda Projects Pty (Ltd) Mill ehluza umbona ube ngumgubo wombona kwaye uthengise iharmony chop kubavelisi bokutya kwezilwanyana namafama emfuyo, litshilo iSebe kwingxelo.
Ishishini likaSodwele liqinisekise ukuba kudalwe imisebenzi esisigxina emithathu kunye nemisebenzi yethutyana eli16 kunye nemisebenzi yamaxesha athile onyaka – ibeka ukutya etafileni kumakhaya ngelixa inegalelo kuqoqosho lwasekuhlaleni.
Uthengisela amafama afuyileyo, iHello Choice neOne Farm Share Supermarkets eBizana kwakunye neMajazi Primary School kunye neMzamba Combined School ngenkqubo yesondlo yeSebe lezeMfundo, iNutrition Programme, nezinye iivenkile ezithengisa eBizana.
Uvelisa umbona otyheli kunye neembotyi eziluhlaza kumhlaba weehektare ezingama22, kwaye inkampani ithenga kubavelisi basekuhlaleni ukugcina iziko labo lokusila liqhuba kwaye linengeniso, litshilo iSebe.
“Ndichulumancile kakhulu kukuwongwa lisebe ngomsebenzi onzima endiwenzileyo kweli shishini, kwaye oku kuya kundikhuthaza ukuba ndenze ngakumbi. Bendinexhala ngoku ngemveliso yeli xesha lokulima, kwaye ndiza kusebenzisa enye yemali endiyiphumeleleyo apha ukuthenga [imveliso] nokukhulisa ishishini lam lokulungisa ukutya,” utshilo uSodwele.
Nangona uSodwele eligcisa eliqeqeshekileyo, uthando lwakhe kwezolimo lwamongamela kuba ukhulele kusapho olwalusenza umsebenzi wokusetyenzwa kwemveliso yezolimo nokulima kungoko walandela eli khondo.
Uthe nangona mininzi imingeni "lishishini elinengeniso elifuna umonde kunye nokomelela," kungoko ebongoze ulutsha ingakumbi abasetyhini ukuba bangene kweli candelo.
UMphathiswa uKontsiwe uthe abasetyhini bebebhiyozelwa kungekuphela nje njengabathathi nxaxheba kwinkqubo, kodwa njengeenkokeli, kunye nabenzi botshintsho kwicandelo elihlala lingahoyi igalelo labasetyhini.
"Ezi mbasa ayingombhiyozo wempumelelo yomntu ngamnye, ziluphawu kwilizwe lonke lokuba amanina kwezolimo akulungele ukukhokela phambili.
"Ngexesha apho uqoqosho lwethu lufuna izinto ezintsha ezikhuthaza ukukhula, amafama angamanina sele ebonisile ukuba angajika amathuba amancinci abe ngamashishini ahlumayo, nemicelimngeni yasekuhlaleni ibe yinzuzo kwimarike yehlabathi. Anilindelanga utshintsho, niyenza izinto zenzeke," wongeze watsho uKontsiwe.