Entsimini

Ukuzibophelela kowaqala ishishini elingaqhelekanga kuzala amaduna namathokazi

Umbhali Wethu|Published

UPhilasande Mahlakatha (onxibe umntla omnyama ome ekhohlo) uthiwe jize ngeR15 000 liSebe lezoLimo ngenxa yomsebenzi wakhe kwezolimo.

Image: DOA

Kutshanje iSebe lezoLimo libambe iimbasa eMthatha nalapho liwonge amanina aqhuba umsebenzi oncomekayo kwezolimo.

Omnye wabaphumeleleyo omke nembasa nguPhilasande Mahlakatha olungisa izityalo zemveli ukuze avelise ioyile ayenza ngayo iimveliso zokuthambisa.

UMahlakatha uthe waqala eli shishini alichaza njengelingadumanga kakhulu kubantu abamnyama ngo2019.

“Ndiqale kancinci ngaphandle koncedo, kodwa le yinto ebendifuna ukuyenza nangona bendingayiqondi ncam. Ndenze uphando kwaye uthando lwam koku lwakhula”, utshilo uMahlakatha.

Wongeze ngelithi ukungabikho kwemali yokuqala kunye nomdla akumtyhafisanga ekuqhubeni ishishini lakhe.  

UMahlakatha ophumelele kwindawo yokuqala kudidi lokusetyenzwa kwemveliso yezolimo uncediswe liSebe lezoLimo kuzwelonke ngomatshini wokudidiyela iimveliso, izixhobo zokupakisha kunye “nepakethe epheleleyo” yokuphawula iimveliso zakhe.

Uthe uyavuya kuba ephumelele nanjengoko ebengalindelanga ukuphumelela. Uthiwe jize ngeR15 000.

Omnye ophumeleleyo kwesi sithili noza kudibana noMahlakatha noZanele Matikinca xa bekhuphisana nezinye izithili kumsitho wephondo ohlelelwe ukubanjelwa kweyeThupha, nguGugulethu Qukula ophumelele kwindawo yokuqala kudidi lwamafama asakhasayo nabuye exhakazela iR15 000.