Iinkomo zohlobo lweSimmental zixhobe ngobisi kunye nenyama.
Image: British Simmental
Uhlobo lwenkomo yeSimmental yenye yeenkomo ezikhoyo nezihamba phambili kweli loMzantsi Afrika ngenxa yokuba ixhobe ngobisi nenyama ngaxeshanye.
Iimpawu zale nkomo ezingaqhelekanga ziyenza ukuba ibenomtsalane kumafama kuba yenza umsebenzi obanzi kwingeniso yasefama.
Ezi nkomo zichumile kakhulu ngokwenzala kuba zizala zisencinci kwaye ziphinda zizale emva kwexesha elincinci. Amathole ezi nkomo akhula azimele ngaphandle konina ngenxa yokuba ikhawulezisa ikhulelwe ngexesha elincinci kakhulu iSimmental.
Zikwahamba phambili ngokuba zezona nkomo zikwazi kakuhle ukukhulisa amathole azo ngaphandle kweengxaki kuba zinobisi olaneleyo. Iinkomo zeSimmental zisebenzisa ukutya okuncinci ukuze zondle umzimba wazo ngaphandle kwengxaki.
Ngaphandle kwenyama yazo encamise ngencasa, iinkomo zeSimmental zikwanika ubisi oluninzi kakhulu ngethuba zikwixesha lokusengwa. Le nkomo yakha umzimba ngexesha elincinci, oku kwenza ukuba ifikelele kwinqanaba lokuba inyama yayo ibekwixabiso lokutyiwa.
Iinkomo zeSimmental ziphila lula kwiimeko zemozulu ezahlukeneyo ngaphandle kwengxaki, ngenxa yoku le nkomo iphila kwiindawo ezahlukeneyo zelizwe ngaphandle kwengxaki.
ISimmental ikwanamalungu omzimba omeleleyo akwazi ukulwa nezifo nezinye iingxaki lula. Uninzi lwezifo ezihlasela iinkomo ehlabathini azingeni lula kule nkomo ngenxa yokuba umzimba wayo uyazilwela kwizifo.
Ukusukela ngonyaka ka1905, ezi nkomo zafika kweli loMzantsi Afrika kwaye ngoku sele ziphakathi kweenkomo ezihamba phambili kwimveliso yenyama eMzantsi Afrika.
Ngonyaka ka1964 amafama wezi nkomo kweli loMzantsi Afrika asungula umbutho obizwa ngokuba yiSimmentaler Cattle Breeders' Society of South Africa.
Lo mbutho wasungulwa ngeenjongo zokuncedisa amafama ukukhulisa olu hlobo lweenkomo nokuwaxhasa kwezinye iinzame zawo zokuqhubela phambili imveliso yale nkomo iSimmental. Ezi nkomo kungokunje zifumaneka kulo lonke eli loMzantsi Afrika.
Related Topics: