Usukile esikhundleni oweMKP ePalamemte.
UAyanda Dludla, 22, umqhubi wemoto ebithutha abantwana besikolo, uye wakhetha ukungasifaki isicelo sakhe sebheyile emva kokuvela kwakhe kwiNkundla kaMantyi yaseVanderbijlpark ...
Amapolisa aphanda ukubulawa kukaDJ Warrick Stock, owaziwa ngokuba nguDJ Warras, axelele inkundla yaseGoli ukuba aza kuyibamba kungekudala intombi yomrhanelwa otyholwa ...
UNgazibini Ntungwa yintwazana yaseCofimvaba ophakathi kwabafundi abagqwesileyo kweli loMzantsi Afrika.
Umzimba kaMalose Samuel Kgafela ufunyenwe kumlambo iMmetlane eMokopane, eLimpopo.
UVictor Mthethwa Majola otyholwa ngokubulala uWarrick Stock, nodume ngelikaDJ Warras, uvele okokuqala enkundleni ngoLwesithathu.
Baza kuvela enkundleni abahlanu ababandakanyeka ekuthumeleni amadoda kwimfazwe ephakathi kweRussia neUkraine.
UFloyd Shivambu uthi iMayibuye Afrika Movement yakhe entsha ikhule kwiinyanga ezine ukuya kwinqanaba iEFF elifikelele kuyo emva kweminyaka ephantse ibelishumi.
UFikile Mbalula utyhola uDonald Trump ngokohlwaya uMzantsi Afrika ngenxa yezityholo ezingeyonyani zokuba abantu abamhlophe bayabulawa kweli.
UMphathiswa wamaPolisa onqunyanyisiweyo uSenzo Mchunu unikezele ngezixhobo zobuchwepheshe emapoliseni.
Imibutho i-#StandUpSA neEnough Is Enough iza kukhokela umngcelele omemelela ukuba uCyril Ramaphosa ahambe nobizwa #RamaphosaMustGo osingise kwiZakhiwo zoMdibaniso ...
UVelenkosini Hlabisa umemelela ukugxothwa kwangoko kwabemi bamazwe angaphandle ngokungekho mthethweni.
UMongameli uCyril Ramaphosa ngoLwesibini ukhabe intetho yesithethi sakhe sangaphambili ngokuqinisekisa ukuba wakhe wadibana noHangwani Maumela, indoda etyholwa ngokuphanga ...
Isebe lezemfundo eGauteng lithi abantwana banelungelo lokufumana imfundo nokuba abanawo amaphepha.
UJacob Zuma neMK Party ngoLwesine baza kusa iKomishoni kaMadlanga kwiNkundla ePhakamileyo yasePitoli.
UThuthukile Zuma weANC uzikhwebule kwiMK Party, eyasekwa nguyise, esithi ukusekwa kwayo kusisiphumo sokungasonjululwa kweyantlukwano yangaphakathi kwiANC.
Bagwetywe iminyaka engamashumi amabini abemi baseTshayina abasixhenxe ngokuthubelezisa abantu eMzantsi Afrika.
UFloyd Shivambu ujonge ukuphumelela kunyulo lukarhulumente wasekhaya luka2026 kunye nolonyulo luka2029.
UNjengele Fannie Masemola uqinisekise ukuba icandelo lePublic Order Policing linoxanduva lokulawula iziphazamiso ezifana nezo zibangelwa yiOperation Dudula ezikliniki. ...
Usihlalo weSANTACO eGauteng, uMidday Mali, uthi asingabo bonke abaqhubi beeteksi abangabaphuli mthetho okanye abanobundlobongela, kulandela ukubulawa komqhubi weUber ...
UMongameli uCyril Ramaphosa uyabagxeka abo bangafuniyo ukuthatha inxaxheba kwiNgxoxo yeSizwe.
Ababini babanjwe ngenxa yobundlobongela emva kokuba kutshiswe iiofisi zeSebe lezeKhaya eGermiston.
Indoda eyayingomnye wabatyholwa kwityala lokubulala iye yajika yaba lingqina lombuso.
INdlu yoWiso-mthetho yeSizwe ipasise uMthetho oYilwayo woLwabiwo-mali wowama2025 nowama2026 wamasebe.
INkundla ePhakamileyo ithathe icala likaMphathiswa uGwede Mantashe kwityala lokunyelisa elibandakanya izityholo ezenziwe kumakhasi onxibelelwano.