Kokokuqala ukuva iNkosi ithetha into ecacileyo malunga nesiko lokwaluka eliqhubeka libulala abantwana ingakumbi eMpuma Kolono ngoNkosi uMwelo Nonkonyana.
Lo mzukulwana kaBhala akakhange acenge kuthiwa ngabezopolitiko okanye oozungul’ ichele abakweli siko, koko umile enika umkhomba ndlela.
Ungumzekelo ofana noKumkani uFaku wamaMpondo owathi walinqumamisa eli siko emaMpondweni ngeminyaka yoo1800, oku kwakungenxa yokuba wayefuna amabutho ajongane neemfazwe. Ngenxa yokuba wayekhokele engathandisi ndoda, uFaku waphumelela ukulinqumamisa isiko lokwaluka emaMpondweni, yenza njalo iNkosi xa ikhokele.
UKumkani uShaka wamaZulu naye walinqumamisa eli siko ejonge ukuqinisa amabutho akhe okulwa iimfazwe ezazikho ngelo xesha.
UBhala lo akenzi nto ingekhoyo, koko wenza into eyakhe yenziwa ngooyise mkhulu. Uyibeka icace ukuba xa limisiwe eli siko, kuza kuba kusenziwa iingxoxo phakathi kwabahlali, iiNkosi kwakunye namagosa karhulumente kukhangelwa izisombululo.
Lisiko elidala ukumiswa kolwaluko esizweni, ingakumbi kumaXhosa – ngexesha zazisalawula iiNkosi, iilali eziphantsi kweNkosi leyo bezinyanzelwa ukuba zinqumamise ukwalusa zilinde unyana weNkosi akhule.
Oku kuthetha ukuba xa kukho iingxaki ezimalunga nesiko kumele ukuba kuthethwe ngabakhokeleyo kukhangelwe izisombululo kwiingxaki ezo. Ezi ngxoxo kumele ukuba zikhokelele kwisisombululo esiza kwenza utshintsho kwimeko leyo ixakileyo.
Amadoda angoku kunye neeNkosi athi xa ethetha ayikho le ngxaki yokubhubha kwabakhwetha kwiindawo zawo. Ayiyondlela yokuthetha kwendoda leyo, indoda ayijongi imeko yakwayo xa kukho ingxaki ekuhlaleni, kodwa ibayinxalenye yesisombululo nokuba ingxaki ayiko kwayo.
Masiphinde simbulele kwakhona uNkosi Nonkonyana ngalo mbono wakhe kuba ucacile ukuba ngenene uyinkokheli neNkosi ngokufanelekileyo. Ezinye iiNkosi zithule kuba zoyika ukubuzwa ngabantu abathile ngeembono zazo, okanye zoyikisela imirholo yazo. Xa wonke ubani enokusabela kweli khwelo likaBhala, kungenzeka ukuba esi sizwe sahlukane nengxaki yokubhubha kwabakhwetha.
Xa libuya liqhubeka isiko, kuza kuba kusetyenziswa indlela entsha ekuye kwavunyelwana ngayo ngabo baza kuba bexoxile bephuma nendlela entsha yokwenza eli siko.
Ininzi kakhulu imali echithwa ngurhulumente ezama ukunqanda ukubhubha kwabakhwetha, kodwa konke oku kuyaqhubeka. Kunjalo, kukho amaciko acikoza into engancedi sizwe, bona abantwana bayabhubha esuthwini.
Xa kunokuthethwa ngeendlela zokutshintsha isiko, kungakuhle ukuba kungaqwalaselwa ezi zinto zilandelayo. Ukwaluswa kwabantwana ngokwamaziko avunywe ngurhulumente, ukwalusa abantwana ngamabutho wezizwe abaphuma kuzo. Ukusetyenziswa kweengcibi njengabacebisi besiko kurhulumente behlawulwa imali, befundisa uluntu namagosa karhulumente. Kuye ndithi Bhala kaDududu.
Owabulala inkosikazi wayipapasha kuFacebook uzibulele