Ningavuyi kakhulu, amapolisa aseMthatha akathembekanga!

Kugquba umoya wethemba ebantwini oko kuthe kwavakala iindaba ezithi amapolisa aseMthatha amgqithise amafu uDalindzolo Mareke obedume kungophatha kakubi abantu kwindawo ekuthiwa yiMandela Park. Ingxelo ekhutshiweyo ithi amapolisa agagene naye uMareke neengqeqe zakhe esenza ugqoqo. Kuthiwa uwangqingile kuba engafuni ukuphicwa ngamapolisa emva koko wawahlasela esendaweni yawo.

Amdubule neetshomi zakhe zobugebenga emva kokonzakalisa ipolisa elisesibhedlele ngoku. Abantu bonwabile ngoba kudala bephethwe kakubi nguMareke xa besitsho. Konke oku kwenzeka ilizwe liphethwe mantsantsa ngootsotsi abanyanzelisa ukunikwa imali ngoosomashishini kwilizwe lonke. Kodwa ndifuna ukuthi ebantwini baseMthatha baze bangavuyi kakhulu ngoba ingxaki ayikasuki.

Ubugebenga nobutsotsi bondele endaweni yabo ngoba iinkokeli ezonyulwayo azibakhathalelanga abantu. Kanti kwelinye icala, amapolisa akhoyo alala ngengubo enye nabaphulimthetho endaweni yokukhusela abantu. Yonke imihla siva abantu abangahoywayo abavula amatyala, ngakumbi abathathelwa iimoto ngoonoteksi phaya eMthatha.

Kubalulekile ukuvuyela into eyenzekileyo – kodwa kujongwe inyathelo elilandelayo eliza kuthathwa ngamapolisa avumileyo ukuba kudala abantu bekhala ngoMareke. Into ebangela ndithi makungavuywa kakhulu kukuba kungenzeka ukuba agqibelisile. Kanti kufuneka aphande ade abambe bonke abenzi bobubi abaphethe kakubi abantu eMthatha.

Asikwazi ukuba nabantu abavala amashishini ekusebenza kuwo abantu kweli xesha libi kangaka loqoqosho. Amapolisa makasebenze futhi aqinise isandla xa egezeleka. Konke okwenzekileyo kuxhokonkxwe kukusukuma kukaKumkani uZwelibanzi ove kuthiwa kuvalwe isikolo eMandela Park kwiiveki eziphelileyo.

Ukuthi cwaka kweenkokeli ezikhokele iKing Sabatha Dalindyebo Municipality ne’O.R.Tambo kuyadanisa. Ziinkokeli eza votelwa ngabantu ezi ezo emva kokuba iAnc yathembisa ngokhuseleko abantu bonke. Kodwa xa kukho ingxaki zisonga izandla. Amaphara amosha izigadla zoshishino ezidlula eMthatha yonke imihla – kodwa iinkokeli ezonyulwe ngabantu akukho nto eziyenzayo.

Abantu abangakwaziyo ukukhusela abantu ayizizo iinkokeli zokwenyani ezo. Wajongeni amapolisa aseMthatha ngoba izinto ezininzi azinyathele ngeenyawo. Akukho mapolisa athembekileyo ncam kula ndawo, iqondo eliphezulu lobundlobongela luyayibhenca lo nto. Sidinga amapolisa abeka abantu phambili nazimiseleyo ukukhusela abantu baseMzantsi Afrika.