Iyantlukwano ephakathi kweANC negqala lalo mbutho, uTony Yengeni, yenza ukuba ubani atsho ngaphandle kwamathandabuzo ukuba umsitho wale mpelaveki uza kubokalisa iintanda zeANC.
UNobhala Jikelele weANC uFikile Mbalula ukuvakalise esidlangalaleni ukuba ngenene baza kumthathela amanyathelo uYengeni ngenxa yezigxeko zakhe kurhulumente weGNU.
Xa uthetha ngoYengeni eNtshona Koloni uthetha ngenye yamadoda enze indima enkulu nenzima kakhulu ukugcina lo mbutho ngamaxesha anzima. Elinye lamatyala kaYengeni bubuhlobo bakhe obucacileyo noMongameli weMK Party, uJacob Zuma, nojike walitshaba lokuqala leANC.
UYengeni ugxeka amanyathelo weANC logama kwelinye icala eqhubeka ukuncoma inyathelo likaJacob Zuma.
Eli gorha lazinikela lisiya kumela uZuma kwingxoxo yoluleko yeANC neyathi yabonisa elibala ukuba uYengeni uhamba noZuma. Ngamaxesha omzabalazo uYengeni ebekunye noLizo Ngqungwane, Lizo Nkonki, Zwelitsha Mhluthwa, Lerumo Kalako kwakunye noBulelani Ngcuka bekhusela iANC kwela phondo.
Ubungqina beengxaki zeANC eNtshona Koloni nakuzwelonke zibonakala ngokuba umcimbi womhla wesibhozo uqhutyelwe kwibala iMandela Park eKhayelitsha. Eli lelona bala lakhe lalincinci eNtshona Koloni kuba lithwala abantu abangamawaka amabini kuphela.
Ukugqibela kweANC ukwenza lo mcimbi eNtshona Koloni yasebenzisa ibala lemidlalo iCape Town Stadium ethwala abantu abangaphezu kwamashumi amahlanu amawaka.
Ngaphandle kokuba ijijisana noYengeni, iANC ikwajijisana neNkulumbuso yephondo laseRhawutini uPanyaza Lesufi othe gqolo ukugxeka umbutho wakhe ingakumbi kumcimbi weGNU.
UMbalula nakwesi isiganeko umile kwelokuba baza kuthathela amanyathelo uLesufi. ULesufi akavumi kuthobela imiqathango yombutho wakhe enyanzelisa ukuba amisele uRhulumente oquka iDA. Ngaphandle koko uLesufi uxhaswa nguNobhala Jikelele kwiCommunist Party, uSolly Mapayila.
Iinkokheli zeANC eziquka uSekela Mongameli uPaul Mashatile ziphithizela eNtshona Koloni zicenga abantu ukuba bayokuxhasa iANC ngoMgqibelo umhla weshumi elinanye.
Useziseleni uGogo Maweni!