Amanina ayesakha izindlu zabakhwetha bengafi

Amanina besikha ibhoma.

Kumaxesha angaphambili izindlu zabakhwetha zazisakhiwa ngamanina kwaye kwakungekho zingxaki ezifana nezi zikhoyo namhlanje ebakhwetheni. Nangona zisekhona iindawo ezisanika amanina ithuba lokuba ibengawo akha izindlu zabakhwetha, kodwa yayekwa lenkqubo.

Okona sinokuphawula ngoku kukuba ngexesha lokuba ezi zindlu zazisakhiwa ngamanina akukho bakhwetha babebhubha ngohlobo ababhubha ngalo ngoku. Uphawu lokuqaqamba kobukhokeli beenkokheli zelo xesha kukuba zazikwazi ukwenza utshintsho entlalweni.

Zalenza ke utshintsho iinkokheli zelo xesha lasuswa kumanina uxanduva lokwakha izindlu zabakhwetha. Kudala kukhangelwa amacebo neendlela ezinokwenziwa ukulwa ukubhubha kwabakhwetha ezandleni zamadoda. Ukubuyisela amanina ukuba akhe izindlu zabakhwetha kwakho mhlawumbi kunganceda kuba amadoda, ingakumbi eMpuma Koloni ahlulakele.

Iinkokheli zokwenyani azikoyiki ukwenza utshintsho, ezangoku zoyika ukohlukana nemirholo yazo, ngoko ke ziyoyika ukuthatha izigqibo. Mawanikwe ithuba amanina akhe izindlu zabakhwetha kwakho ngelizama ukukhusela abantwana ababhubhela esuthwini. Kaloku esinye sezizathu ezazithethwa sasisithi amanina ashiya izinto zokuthakatha esuthwini bagule abakhwetha, kodwa babengabhubhi.

Amanina besikha ibhoma.

Ingaba amadoda wona ashiya izinto ezingemdakanga, kodwa ezibangela ukuba babhubhe abantwana esuthwini? Vukani mzi wakuthi luyaphela uhlanga, liyaphela ikamva lelizwe lisiko lolwaluko olusezandleni zamadoda alibala kukudyobhana. Ukwandiswa kwentatho xaxheba yamanina kweli siko akumele ukuba kubonwe nje ngenyala nesikizi, ingakumbi logama abantwana besifa ezandleni zabantu abathi bangamadoda.

Ubusazi ukuba ngaphandle kokuba bebhubha ababantwana ezandleni zamadoda, kukho abaphila ngaphandle kwelungu lobudoda ngenxa yobutyhakala bamadoda. Uweva ethetha isintwana esithi ingxaki yokubhabha kwabakhwetha ayikho kwindawo zawo, indoda ayiyithethi lonto kukho ubhubhane elizweni.

Kodwa indoda yokwenyani iyaxhalaba ikhangele enokukwenza ukuqinisekisa ukuba ubhubhane lowo uyaliwa ukuze angafiki kwisizwe sayo. Nikani amanina ithuba akhe izindlu zabantwana bawo, mhlawumbi oku kuyakuthoba izinga lokubhubha kwabantwana esuthwini.

Umfanekiso webhoma.

Akumele ukuba sikhathalele ukunconywa okanye ukuthandwa kweli xesha libi kangaka lokutshatyalaliswa kwekamva lelizwe lakuthi. Kuninzi lezizwe ezazivumela amanina ukuba akhe izindlu zabakhwetha ayekiswa amanina ukwenza lo msebenzi. Izindlu ezazisakhiwa ngamanina zazintle, zomelele zimelana nemeko yokukhusela abantwana.

Ngeliphandle ukusukela oko kwathi kwayekiswa amanina ukwakha izindlu bayabhubha abakhwetha. Kumele ke ngoko ukuba iinkokheli kumasiko nezithethe ziyithathele ingqalelo lemeko nezinye ngelikhangela isisombululo. Ukusilela kwesikhokelo samanina asepalamente nakwamanye amaziko olawulo kwenza ukuba amanina angalifumani ithuba lokuthatha inxaxheba kwisiko lokwaluswa kwabantwana babo.

Amakhosikazi akulawulo athobela intetho ethi elisiko lelamadoda kuphela. Yayilelamadoda ngethuba amadoda ayesalusa abantwana babuye bephelele, oyisiwe awanamhlanje phakamani manina. Xa kukhangelwa isisombululo kwingxaki kujongwa izinto ezazisenzeka nezo zikhoyo, kujongwe ukuba kungadityaniswa ntoni nantoni.