Imibutho yezopolitiko yoMzantsi Afrika ibonakala ithetha ubuxoki xa kuthethwa ngokukhokela kwamanina kwezopolitiko. Awukho nomnye umbutho wezopolitiko kweli okhokelwe ngumntu wasetyhini, kodwa iinkokheli zeli zingxola zixoka mihla le ngamalungelo nokukhokela kwamanina.
Umbutho olawulayo ngowokuqala ukungxola uxoka ngamalungelo wamanina, kodwa ukusukela oko wasungulwayo ngo1912 awuzange uphathwe linina, kwaye akukho themba. Amanina asetyenziswa ukutsala abalandeli kwimibutho yezopolitiko kweli, kodwa awabonwa ukuba angakhokela nje ngoMongameli wale mibutho.
Umbutho kaPatricia De Lille iGood Party asinakuyibala nje ngomzekelo, kuba kwayena ulandele umkhwa nekhondo lamadoda kweli. Uzisungulele umbutho wakhe, wawukhokela ngokwakhe, kwaye akabonakali ethembisa ukuba anganika elinye inina ithuba.
Imibutho emininzi ezelwe emva ko1994 efana neUDM, iEFF neminye ayibonisi zimpawu zokuba inazo iinjongo zokunika amanina ithuba. Ukungena kombutho weANC kulawulo maninizi amanina angaphakathi kwiANC athenjiswa ukuba angahle anikwe ithuba.
Kodwa onke loomanina asaxwebe umlomo esetyenziswa ukuxhasa nokukhulisa ulawulo lamadoda. Zininzi iinkokhelizaki kumbutho weANC ezinokwenza kakuhle nangaphezu kwamadoda, kodwa barhaliselwa nje ngenqatha. UGqirha Nkosazana Dlamini Zuma, uBaleka Mbethe, ooLindiwe Sisulu nabanye basetyenziswa nje bengalinikwa ithuba lokukhokela.
Rhoqo xa uzakuya kulo nyulo lo mbutho kunyuswa nje amathemba wabo ngokuthi bakhona kuluhlu labo bafuna ukukhokela. La manina azibonakalisa kaninzi ngokukhokela ngempumelelo kumaSebe kaRhulumente besenza umsebenzi onokwenziwa nangamadoda.
Kubuhlungu ukubabona besebenza nzima besenza umsebenzi othi kamva kuphakanyiswe amagama wamadoda. Oku kuthetha ukuba amakhosikazi asetyenziswa yimibutho yezopolitiko ukuze kudunyiswe amadoda ngomsebenzi owenziwe ngamanina. Eminye yemibutho yezopolitiko kweli ayinawo namasetyana amanina, oku kubonisa ngaphandle kwamathandabuzo ukuba ayinazo iinjongo le mibutho.
Imibutho elawulayo kweli leAfrika ngoku yimibutho eyayithembise ngenguqu equka ukuphatha kwamanina kwizikhundla eziphezulu, kodwa asikakuboni oko. Ukubhubha kuka mama uZondeni Veronica Sobukhwe owayeyinkosikazi kabawo uRobert Mangaliso Sobukhwe, amalungu ombutho wePAC abonisa ukuba anomdla wokubona inina likhokela kulo mbutho.
Ulutsha lePAC lulo olaluhamba phambili luzibonakalisa ukuba linomdla wokuba kukhokele inina kumbutho wePAC, kodwa oku kwaphelela esithubeni. Imibutho emidala efana nePAC, Azapo neANC ibonisa ukungakhathali ngokunika amanina ithuba lokukhokela, nale isekwe emva ko1994 ikwanjalo nayo.
Lelinjani igalelo elakwenziwa ngamanina ukuze anikwe ithuba lokukhokela kwimibutho yawo. Imibutho efana neUDM ilihlazo xa kuthethwa ngoku khokela kwamanina, kuba yahlala ikhokelwa yindoda enye ukusukela oko yasingulwa. Oku kuthetha ukuba akukho nengcinga yokuba kungakhokela inina kwimibutho efana neUDM kuba kwa amadoda awafumani thuba lokukhokela abe ngooMongameli balo mbutho.
Ngumbutho wendoda enye alawula into engapheliye nje ngeminye imibutho emidala esele ikhankanywe ngasentla. Lixesha lokuba amanina angavumi ukusetyenziswa ethenjiswa ngezinto ezingazalisekiyo. Amanina agcinwa ngembali yale mibutho, enziwa ukuba athembeke kwimbali.