Iindaba

Imincili kootitshala nakubazali bomfundi wakuNgolo Primary School

Abongile Ginya|Published

Phakathi onxibe impahla ebomvu nguIvile Jam-Jam umfundi wokuqala kwesi sikolo ukuyokuba ngumfundi kwiskolo sikaOprah Winfrey.

Image: UTHUNYELWE

UMziwoxolo Jam-Jam welali yakuNgolo, eMthatha, ongutata wentwazana egama lingu-Isivile (12) obenenyweba yoyokufunda kwisikolo setshantliziyo laseMelika, iOprah Winfrey Leadership Academy for Girls (OWLGA), eseGoli, uthi ngenene umntana wakhe ulandele igama abampha lona nanjengoko ibavile nkosi.

U-Isivile, nobesenza uGrade7 kuNgolo Primary School, uhambile ngempelaveki esiya eGoli eOWLGA apho aza kuqala uGrade 8 wakhe kule veki. Ngokokutsho kweSebe lezeMfundo eMpuma Koloni, u-Isivile ebeyinxalenye yenkqubo engokhuliso lwezakhono zolawulo ebiqhutywa ngutitshalakazi wakhe uNontembeko Matshakeni-Nyamende kuNgolo Primary School.

UTata kaIsivile ethetha neli phephandaba uthe izicwangciso zezabo kodwa izigqibo ibazezikaThixo nanjengoko esithi olu utshintsho lumangalisayo khange balulindela. "Siyabulela kuba yonke into ayilocebo lamntu ibalelikaThixo.

"Kona sinalo uvalo lokuba umntwana wethu esohlukana nathi eselula kakhulu ngokweminyaka kodwa konke sikuphose kuThixo. Esi sisiphiwo sakhe umntwana ekugqibeleni asinakumbamba. Kona ungumntu ozimiseleyo asothukanga nangona khange silindele okwenzekileyo," utshilo uJam-Jam.

Uthi bayamkhulula umntwana kuba uzokuphucula yena, aphucule bona kwaye aphucule neMpuma Koloni. Utitshalakazi uMatshakeni-Nyamende obenemincili ngethuba encokola neSolezwe uthi iklasi ka2025 ibeyenye nje enomahluko.

Umfundi obenenyweba yoyokufunda kwisikolo sikaOprah Winfrey eGoli uIsivile Jam-Jam (12).

Image: Facebook

Uthi nakwindawo yakuNgolo kuza kubanomohluko watsho esithi u-Isivile akazukuphucula yena yedwa nesikolo siza kuba sematheni njengoko sele sisematheni eO.R. Tambo eNyandeni nakwiPhondo liphela.

"Siyazidla ngoIsivile, ngowethu kuba uqale kwaGrade R apha esikolweni sazomkhupha kwaGrade 7. Sikwazidla nangokuba ngumntwana wethu lo wokuqala ukufumana inyweba elolu hlobo. Ngale nkqubo iinjongo zethu sifuna bafike bagqame kwizikolo zamabanga aphakamileyo abaza kuya kuzo abantwana bethu benezakhono zobunkokheli," utshilo uMatshakeni-Nyamende.

Inqununu yesikolo, uSikhona Mbalo, ukholelwa ukuba le nkqubo ilungele kanye ingqondo yabantu abatsha. "Le nkqubo siyenzela ukukhlisa izakhono kwanetalente yabafundi beselula ngokweminyaka.

"Oku kukuqinisekisa ilizwe lethu liza kuba sezandleni ezikhuselekileyo kwaye nokuqhubeka kwalo kukhuthaza ukuzibophelela kuluntu olusebenzayo", utshilo uMbalo.

Le nkqubo kwesi sikolo iqale ngo2023. Lo titshalakazi uthi akasebenzanga yedwa watsho ebulela intsebenziswano kwisikolo sonke.