Iindaba

Indoda efunyenwe inemifanekiso yamanyala yabantwana ivela enkundleni

Cwayita Nondula|Published

Indoda efunyenwe inemifanekiso yamanyala yabantwana iza kuvela enkundleni eGqeberha

Image: BayToday.ca

Indoda, 38, ejongene namatyala anxulumene nokuba nemifanekiso enamanyala ebandakanya abantwana abancinane iza kuvela enkundleni eGqeberha namhlanje, ngoLwesithathu, futhi kulindeleke ukuba ifake isicelo sebheyile.

Ngokutsho kwesithethi samapolisa, uLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa, umtyholwa ubanjwe ngoMgqibelo odlulileyo ekhayeni lakhe, eSydenham, eGqeberha.

"Amapolisa alandele ulwazi olufunyenweyo malunga nendoda eyayinemifanekiso yamanyala yabantwana kwakunye nezityholo ezithi yayisasaza le mifanekiso kwi-intanethi.

"Amapolisa athatha amanyathelo aza aya ekhayeni lomrhanelwa, apho wala ukuvula ucango. Amapolisa akwazi ukungena endlini, kwaye izixhobo ezifanelekileyo zathathwa ukuze kuphandwe ngakumbi," utshilo uMawisa.

Umrhanelwa utyholwe ngokweSection 19A, Subsection 3 of Act 32 of 2007 (ukuba nemifanekiso enamanyala ebandakanya abantwana) kunye neSection 19A, Subsection 5 of Act 32 of 2007 (ukusasaza imifanekiso enamanyala ebandakanya abantwana).

Uvele enkundleni ngoMvulo wale veki waza wagcinwa entolongweni emva koko ukuze avele kwakhona ngoLwesithathu wale veki.