Iindaba

Ebingengompu wokwenyani, kutsho uKolwapi

Cwayita Nondula|Published

UNokuzola Kolwapi edubula umpu.

Image: Screenshot

Inkokeli ye-Ikhwezi Political Movement (IPM) nokwanguSekela Sodolophu kumasipala waseBitou, uNokuzola Kolwapi, uzithethelele ngelithi umpu awayedubula ngawo ngomgidi wonyana wakhe yayingengompu wokwenyani.

UKolwapi ngundabamlonyeni emva kwevidiyo esasazeke kumakhasi onxibelelwano edubula umpu kumgidi wonyana wakhe kwaNokuthula eNtshona Koloni.

"Ndingathanda ukucacisa ukuba bekungekho mpu, into ebonwe ngabantu esandleni sam ayingompu wokwenyani," utshilo uKolwapi.

Ugxeke amanye amaqela ezopolitiko ngokusebenzisa esi siganeko ukuze azuze kwezopolitiko. Ukwathe yingxaki enkulu le kuba yenziwa libhinqa.

"Ngenxa yokuba esi senzo senziwe ngumntu obhinqileyo siye sabakhathaza abanye kwaye indlela abapendule ngayo ifuna ukuqwalaselwa. Kangangezizukulwana, amandla, igunya lamasiko kunye neempawu zoluntu kudala zachazwa ngokungqongqo ngamadoda," utshilo uKolwapi.

Uchaze akwenzileyo "njengomfuziselo wokubuyisela isiko lethu, ukubuyisela ubuni bethu namandla ethu" – uthe sisisizwe esizilela amanina abulawa emakhayeni awo.

"Esi siganeko sasingeyongozi, sasisisibhengezo. Isibhengezo sokuba oonyana bamele bakhuliswe ukuze banike ubomi imbeko, bangawulawuli. Isibhengezo sokuba igunya, xa liphethwe ngabasetyhini linokuza notshintsho," itshilo inkokeli ye-IPM.

UKolwapi ugxininise ukuba usazimisele njengenkokeli kunye nomama ekwakheni uMzantsi Afrika apho amasiko aguquka ngaphandle kokulahlekelwa lixabiso lawo. "Apho igunya labasetyhini lingathandabuzwa kodwa lihlonitshwa nalapho kungekho mfazi kufuneka abambe umngcelele, aqhankqalaze okanye azile ukuze akhuseleke," utshilo.

Akukabanjwa mntu malunga nesi siganeko kodwa kuvulwe ityala lokukhomba umpu nokuwudubula esidlangalaleni.