Amapolisa aqinisekisile ukuba abarhanelwa ababini babanjwe ngokumayelana nokubulawa kukaDJ Warras.
Image: Facebook
Kubanjwe abantu ababini malunga nokubulawa kukaWarrick “DJ Warras” Stock, 40, obulewe kwiveki ephelileyo emva kokudutyulwa ngaphandle kwesakhiwo eGoli.
Isithethi samapolisa aseGauteng, uBrenda Muridili, uthi abarhanelwa baza kubekwe ityala lokubulala kwaye kulindeleke ukuba bavele enkundleni ngoLwesithathu wale veki.
Ngaphambili, amapolisa aqinisekise ukuba abantu ababini bathathiwe ukuya kuncinwa malunga nokubulawa kwalo DJ owaziwayo nongusomashishini uWarrick "DJ Warras" Stock.
Ngelo xesha, isithethi samapolisa kuzwelonke, uAthlenda Mathe, waqinisekisa ukuba kukho abantu ababini abancinwayo. "Niya kukhumbula ukuba uMkomishinala wamaPolisa kazwelonke wayethembisile ukuba ngoMvulo kuya kubakho into ebambekayo kweli tyala. Singaqinisekisa ukuba amapolisa aseGauteng akhokelwa nguLieutenant General Mthombeni athathe abantu ababini ukuze baphekwe ngemibuzo," watsho uMathe ethetha neentatheli.
Esi sibini sithathwe malunga nentsimbi yesibini ezinzulwini zobusuku ngoMvulo sisuka ehostele eSoweto, ngokokutsho kukaMuridili.
Amapolisa kulindeleke ukuba anike iinkcukacha ezithe vetshe malunga nokubanjwa kwabarhanelwa ababini kungekudala.
Umngcwabo kaDJ Warras kulindeleke ukuba uqhube ngomso ngoLwesibini, umhla wamashumi amabini anesithathu (23) kweyoMnga 2025.