Iindaba

Abarhanelwa ababini babanjelwe ukuthengisa iziyobisi eChris Hani

Cwayita Nondula|Published

Iziyobisi ezathinjwa ngamapolisa.

Image: SAPS

Amapolisa esithili saseChris Hani abambe abarhanelwa ababini ngezityholo zokufunyanwa nokuthengisa iziyobisi ngethuba amapolisa ebeqhuba iphulo izolo, ngeCawe, elibizwa ngokuba yiSafer Festive Season.

Ngokwesithethi samapolisa uKapteni Yolisa Mgolodela, eli phulo beligxile ekubonakaleni kwamapolisa kwiindawo ezichongiweyo kwaye libandakanya amanyathelo okumiswa nokukhangela kwezithuthi, ukukhangela imipu engekho mthethweni, ukuvalwa kweeshibhini ezingekho mthethweni, neenzame zokunqanda ukuthengiswa kweziyobisi kwesi sithili.

UMgolodela uthi kwindawo yokuqala eIlinge, amapolisa afumene iipakethi zetiki ezingamashumi asibhozo (80) ezinobunzima obungaphaya kweegram ezingamashumi amabini (28.48g), eziqikelelwa kwiR4 000. Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini anesithandathu (26) ubudala ubanjelwe ukufunyanwa kunye nokuthengisa iziyobisi.

Iziyobisi ezathinjwa ngamapolisa.

Image: SAPS

Kwesinye isiganeko, umrhanelwa onamashumi amathathu anesine (34) wabanjwa emva kokufunyanwa eneepakethi zetiki ezingamashumi amabini anesihlanu (25) ezinobunzima obungaphaya kweshumi (10.7g) neepilisi zemandrax ezintandathu, zizonke ezixabisa imali engaphaya kweR1 800. Kwafunyanwa isixamali esingachazwanga.

Abarhanelwa ababini kulindeleke ukuba bavele phambi kweNkundla kaMantyi eZibeleni ngoLwesibini, umhla wamashumi amabini anesithathu (23) kweyoMnga 2025, ngezityholo zokuba neziyobisi nokuthengisa iziyobisi.

UMkomishinala weSithili saseChris Hani, uMajor General Rudolph Adolph, ulincome kakhulu iqela ngephulo lokutshayela iziyobisi, esithi iinzame ezinjalo ziya kuba nefuthe elihle kumanani ezehlo zolwaphulomthetho kwisithili.