Iindaba

ABafana Bafana bavalelise ngeGhana phambi kokuya eMorocco

Pedro Mapelo|Published

uEvidence Makgopa exhagwe ngabadlali beGhana ebethwe nguMzantsi Afrika emdlalweni wobuhlobo ebuseGauteng.

Image: BackpagePix

Asongwe kakuhle amalungiselelo eqela lesizwe ngempumelelo. Oku kulandela emva kokuba aBafana Bafana bebethe iGhana negowuli elinye eqandeni emdlalweni wokucweya ebubanjelwe eDobsonville Stadium namhlanje emalanga.

Lo ibingumdlalo obalulekileyo kuHugo Broos ngoba ebefuna ukujonga indlela abadlali bakhe abakulungele ngayo ukudlala kwiAfrica Cup of Nations esemnyango. Endaweni kaRonwen Williams, namhlanje kudlaliswe uRicardo Goss noSipho Chaine ngoba umqeqeshi ufuna ukuqiniseka ngabadlali bakhe phambi kokuya emvazweni.

Abanye abadlali abaqale umdlalo namhlanje baquke uSibisi, uNdamane noMatuludi emva. Esiswini bekukho uMbatha, Aubaas noMbule. Umdlalo ubusezingeni eliphezulu ngoba omabini amaqela ebengafunu ukubethwa. ABafana Bafana basilawule isigaba sokuqala ngoba ngabo abahlasele bhetele emdlalweni.

Emva kokuvala isigaba sokuqala kungekho qela elibhalisileyo ebhodini, iGhana izibhaqe isengxakini emva kwegowuli elihle elifakwe nguSipho Mbule emzuzwini wamashumi amahlanu anesine.

Izamile ukuhlasela nayo iGhana izama ukufumana igowuli lokulinganisa - kodwa uChaine walile ezipalini. ABafana Bafana baza kuntingela eMorocco - apho baza kudibana neAngola emdlalweni wokuqala kwiAfcon.