Iindaba

Umhlaba ufunyenwe wokwakhela amaxhoba ezikhukula izindlu zethutyana

Cwayita Nondula|Published

Urhulumente wephondo leMpuma Koloni ungqinile ukuba ufunyenwe umhlaba ofanelekileyo wokwakhela abo badilikelwe zizindlu ngenxa yezikhukhula.

Image: iStock

Kuchongwe umhlaba ofanelekileyo kooMasipala baseKSD naseMnquma ukuze kwakhiwe izindlu zethutyana ezingaphaya kwewaka (1230), imali engaphaya kwekhulu lezigidi zeerandi (R120 million) ibekelwe bucala ukuze kuqaliswe lo msebenzi. Enye imali engaphaya kwamakhulu amane ezigidi zeerandi (R461 million) iyafuneka ukuze kuhlangatyezwane nesidingo esipheleleyo sezi zindlu zethutyana.

Oku kudizwe kuhlaziyo lwakutshanje lukarhulumente wephondo kulandela utyelelo lwakutshanje loMphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli (Cogta) eMpuma Koloni, uZolile Williams, eyojonga iindawo ezichaphazelekileyo ngeenjongo zokuhlola iimeko.

Kwiveki ephelileyo, uMphathiswa uWilliams ephelekwa nguSodolophu woMasipala wesithili iOR Tambo, uMesuli Ngqondwana, kwakunye nowoMasipala wengingqi iKing Sabata Dalindyebo (KSD), uNyaniso Nelani, batyelele iindawo ezihlala abantu abaphulukene namakhaya ngenxa yezikhukhula.

Abantu basancediswa ngeenkonzo ezibalulekileyo kunye nenkxaso ngokwasengqondweni ngokokutsho kwesithethi sikarhulumente wephondo uKhuselwa Rantjie.

Kuthiwa ngexesha lolu tyelelo abantu babenombulelo ngenkxaso abayifumeneyo kodwa baphinde bavakalisa inkxalabo malunga nesidingo esingxamisekileyo sezindlu ezihlala ixesha elide nezindilisekileyo.

"Ephendula kwezi nkxalabo, uMphathiswa uWilliams uphinde waqinisekisa ukuzinikela kukarhulumente ekubuyiseleni isidima nozinzo kuzo zonke iintsapho ezichaphazelekayo. Ugxininise ukuba oomasipala bachonge umhlaba wokwakhiwa kwezakhiwo zethutyana njengenxalenye yezicwangciso zokuhlaliswa kwabantu ngokutsha," uqinisekise watsho uRantjie.

Uqinisekiso lwezindlu ezonakeleyo luyaqhuba kwisithili saseMnquma naseOR Tambo, isithili saseJoe Gqabi sele siyigqibile le nkqubo.

"Eli nyathelo elibalulekileyo lijolise ekuqinisekiseni ukuba zeziphi iintsapho ezidinga izindlu zexeshana okanye ezisisigxina, ukuqinisekisa ukuba abo bangenamakhaya okanye abachatshazelwa ngumonakalo wesakhiwo bafumana inkxaso efanelekileyo kunye nokuzinza njengenxalenye yesicwangciso esiqhubekayo sokubuyisela kunye nokuhlaliswa ngokutsha. Ukongeza, lo msebenzi uya kuphinda umisele amakhaya ekufuneka afuduselwe ngokusisigxina njengoko ekwiindawo ezisengozini yezikhukhula," utshilo uRantjie.

Ukulungiswa kweziseko ezingundoqo luyaqhubeka, njengoko izikolo ezingama235, amaziko ezempilo angama69, neendlela eziyi149 kunye neebhulorho ezingama91 zonakaliswe kwizithili ezahlukeneyo. Yimali eqikelelwa ngaphezu kweebhiliyoni ezintlanu zeerandi (R5.04 billion) efunekayo ukulungisa iziseko ezingundoqo ezonakeleyo kweli phondo.

"Intsebenziswano kurhulumente wonke kunye nemibutho yoluntu ibe luncedo kakhulu ekuphenduleni le ngxaki. Sihlala sizibophelele ekuqinisekiseni ukuba iintsapho ezingenamakhaya zikhathalelwa ngesidima kwaye iminikelo ilawulwa ngokuphandle. Iphondo libulela bonke abaxhasi," utshilo uMphathiswa uWilliams.

Izikhukhula zitshabalalise amakhaya angaphezu kwama6800, zashiya abantu abangama4724 bengenamakhaya kwaye amakhaya angama2145 ashiyeka onakele nangona engatshabalalanga kwaphela. Iinzame zokukhangela imizimba zisaqhuba, inani labantu ababhubhileyo ngenxa yezi zikhukhula linyuke ngaphezu kwekhulu.