Iindaba

Umzimba wowasetyhini obelahlekileyo ufunyenwe ufihlwe phantsi komatrasi

Cwayita Nondula|Published

UAzena Nongeni ofunyenwe ebulewe kwaye efihlwe phantsi komatrasi.

Image: SAPS

UAzena Nongeni (29) nobechazwe njengolahlekileyo, umzimba wakhe ubhaqwe ufihlwe phantsi komatrasi kwigumbi erenta kulo umhlobo wakhe oyindoda, kude kufuphi nalapho ebehlela khona.

Uphando lokuqala lubonisa ukuba ubulewe. UNongeni, obehlala eMalaining, eBushbuckridge kodwa engowaseMpuma Koloni, wanyamalala ukusukela ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) kweyeSilimela 2025. Ngokwengxelo yamapolisa, wagqityelwa ukubonwa ngentsimbi yesibhozo ebusuku emva kokubuya emsebenzini ngalo mhla ukhankanyiweyo.

Isithethi samapolisa aseMpumalanga, uLieutenant Colonel Jabu Ndubane, uthi udade boNongeni sele ewufanisile umzimba wakhe.

UNdubane uqinisekise ukuba ityala lokubulala livuliwe, kwaye uphando seluqalile.

UMnu. Salom ofunwa ngamapolisa.

Image: SAPS

Amapolisa afuna indoda eyaziwa ngokuba nguMnu. Salom ekukholelwa ukuba ngummi waseMozambique oneminyaka engamashumi amathathu anesibini (32) ubudala. Uyabongozwa ukuba adibane namapolisa ngokukhawuleza njengoko kukholelwa ukuba angancedisa kuphando.

Akukabikho mntu ubanjiweyo okwangoku, kwaye nabani na onolwazi olunokunceda ekubanjweni umenzi wobubi angatsalela inombolo yeCrime Stop ku08600 10111 okanye athumele iinkcukacha ngeMySAPS App.