Iindaba

'Ngentliziyo eberhalela ukuphuma kobo budlwelwane umama wam obuleweyo kodwa engenandlela'

Abongile Ginya|Published

UBulelwa Mkorris (51) otyakatywe ngemela umzimba wonke yindoda ebethanda nayo ingaqali eMgwali eCumakala.

Image: UTHUNYELWE

UThobani Mkoriss (31) nongunyana wenkosikazi etyakatywe umzimba wonke ngemela ngethuba ibulawa yindoda ebethandana nayo kwaVillage 1, eMgwali, eCumakala, uthi akasoze nakanye amsole umama wakhe ngokunyamezela ahlale kubudlelwane ebephetheke gadalala kubo nanjengoko esithi akululanga ukuphuma kwinto eloluhlobo nangona ngentliziyo eberhalela ukuphuma, kodwa kungekho ncedo.

Oku kuza emva kokuba umama wakhe, nonguBulelwa Mkoriss (51), kufikwe esebhedini kwigumbi lale ndoda etyakatywe ngemela ukuqala ezinzwaneni ukonyuka ngemilenze uyokutsho entloko, etyakatywa nguBenny noyindoda ebethandana nayo ngempelaveki yokugqibela kwinyanga ephelileyo yeSilimela. Ingxelo ithi, le ndoda kuthiwa yiyo ebize abantu ibabizela kwigumbi layo ukuba bayokubona.

"Bekungekho kokuqala umama ehlukunyezwa yila ndoda, sele esuka kuba kwikoma umama elinyazwe yila ndoda de ndabuya eKapa ndizokusabela. Endaweni yokuba izithobe le ndoda, yandiphendula into ebheke ecaleni xa ndimxelela ukuba azabe ugqibelisile ukuphakamisa isandla kumama wethu.

"Akukho lula ukuphuma kwinto enje, ingakumbi ungenaye nomthetheleli, ndiyamazi umama ngentliziyo ebekufuna ukuphuma, asoze simsole nakanye ngokuba nemibuzo yokuba ebehleleleni kule ndoda kuba ebelixhoba elidinga uncedo," utshilo uThobani.

Abamelwane kuquka nabahlali bathi ngenene bekungekho buhle ubudlelwane besi sibini besihlukumezana nanjengoko sele esuka kuba kwikoma uBulelwa esesibhedlele ngenxa yale ndoda yakhe. Abahlali bathi le yenzekileyo ibiyinto elindelekileyo. Bathi le ndoda "ibingamameli mntu ingumntu okhohlakeleyo uyijongile."

Obengumhlobo kaBulelwa, uNokuthula Balindlela, uthi uBulelwa ubhubhe umnqweno wakhe ikukufuna inxiwa esithi ulungiselela abantwana bakhe babenekhaya nanjengoko abantwana bakhe behlala kowabo.

UBalindlela uthi uzive kubuhlungu xa eva ukuba uBulelwa ubulewe, kwankenteza amazwi akhe esithi ufuna indawo okongathi ebezazi ukuba zibaliwe iintsuku zakhe. Uthi uBulelwa ubathandile abantwana bakhe.

Onika ithemba nenkxaso kwiintsapho ezinyembezana weKhula Community Development Project, uPetros Majola, uthi uza kuqhubekeka ekhalimela akazokutyhafa zizehlo ezinje ezenzeka kumabhinqa. UMajola uthi ayifanelekanga indlela abenza ngayo amadoda kuba into eyenziwa ngamadoda ithoba isidima samadoda.

UBulelwa ngasemva ushiya abantwana bakhe abane (4) kwakunye nomama wakhe. Usapho ludize ukuba umngcwabo  ungomhla we12 kwiveki ezayo kwikhaya lakhe kuMgwali.

Umrhanelwa nonguBenny Mene uvelile kwiveki ephelileyo phambi koMantyi eCumakala nalapho ityala lakhe liye lamiswa limiselwa umhla wesithathu kuba eza kufaka isicelo sebheyile. Ingxelo ithi ibheyile akayifumananga usengaphakathi eziseleni.