UMnu. David Mabuza akasekho emhlabeni.
Image: GCIS
Iindaba ezingenayo zithi akasekho uMnu. David Mabuza uswelekile. Lo wayelisekela likaMongameli udlule emhlabeni enamashumi amathandathu anesine eminyaka. OkaMabuza wayengumncedisi kaMongameli uCyril Ramaphosa ukusukela ngo2018 ukuya ku2021.
Usweleke emva kokukhathazwa yimpilo ixesha elide. Phambi kokuba nguSekela Mongameli, uMabuza ebeyinkokeli yephondo laseMpumalanga apho ebenguSihlalo weANC phambi kokunyukela kwisikhundla esiphezulu kuyo.
Iinkcukacha ezithe xhaxhe ziza kulandela.