Iindaba

Amaxabiso amafutha onyukile

Cwayita Nondula|Published

Amaxabiso amafutha onyukile eMzantsi Afrika.

Image: Karen Sandison / Independent Media

Abaqhubi beemoto kuza kufuneka bagqogqe nzulu ezipokothweni njengoko zonke iintlobo zepetroli, idizili, neparafini zonyukile ukusukela ngoLwesithathu, umhla wesibini kweyeKhala 2025.

Olu luhlengahlengiso kumaxabiso amafutha:

  • Petrol 93 (ULP & LRP): inyuke ngeesenti ezingama55.
  • Petrol 95 (ULP &LRP): inyuke ngeesenti ezingama52.
  • Diesel (0.05% sulphur): inyuke ngeesenti ezingama82.
  • Diesel (0.005% sulphur): inyuke ngeesenti ezingama84.
  • Illuminating Paraffin (wholesale): inyuke ngeesenti ezingama67.
  • Ixabiso [Single Maximum National Retail Price] leparafini: inyuke ngeesenti ezingama89.
  • Ixabiso [Maximum Retail Price] leLPG: yehle ngeesenti ezingama57 kwilizwe liphela, ngaphandle kweNtshona Koloni apho iza kwenyuka ngeR1.90 ngekhilogram.

NgokweSebe leMithombo yeziMbiwa, ukunyuka kwamafutha kungenxa yezinto ezininzi, eziquka ukonyuka kwamaxabiso eoyile ekrwada yeBrent yakutshanje.

"Ixabiso leoyile ekrwada yeBrent linyuke ukusuka kwi63.95 yeedola zaseMelika ukuya kwi69.36 yeedola zaseMelika ngeli xesha liphantsi kovavanyo. Eyona nto inegalelo kukungavisisani kuMbindi Mpuma, phakathi kweIsrael neIran, okuthe kwaphakamisa uloyiko lokuphazamiseka kokubonelelwa kweoyile ekrwada," litshilo iSebe.