Iindaba

Urhulumente waseZambia uthintela ukungcwatywa kukaLungu kweli

Siyabulela Mqikela|Published

Urhulumente waseZambia akafuni ukuba lowo wayesakuba nguMongameli wabo uEdgar Lungu angcwatyelwe eMzantsi Afrika.

Image: Lucas Jackson/Reuters

Urhulumente welizwe laseZambia akavumi ukuba owayesakuba nguMongameli wela lizwe uEdgar Lungu angcwatyelwe eMzantsi Afrika. 

Oku kusemva kokuba kukho impikiswano phakathi kosapho lukaLungu kwakunye norhulumente wela lizwe malunga nokungcwatywa kwakhe eZambia. 

ULungu uthunyelwe kweli lusapho lwakhe ngeenjongo zokuba afumane unyango olungcono emva kokuba ethe wagula eZambia.

Ingxelo karhulumente waseZambia ithi akumele ukuba kuqhutyelwe phambili ngomngcwabo logama kusekho ingxoxo malunga ngeyona ndawo makangcwatyelwe kuyo uLungu. 

Igqwetha elimele urhulumente welizwe laseZambia, uMulilo Kabesha, ufake isithintelo enkundleni nalapho abalule khona amagama wamalungu osapho lukaLungu natyholwa ukuba ngoonobangela bale ngxaki.

"UMongameli Edgar Lungu kumele ukuba angcwatyelwe eZambia anikwe isidima esimfaneleyo ngokomthetho kwakunye namasiko elizwe laseZambia," kutsho uKabesha.

Eli gqwetha lithi ukungcwatywa kwenkokeli efana noLungu kuhambelana nemiqathango karhulumente ekumele ukuba ithotyelwe ngamaxesha onke.

Kwiveki ephelileyo, uMphathiswa wezoBudlelwane baMazwe ngaMazwe kunye neNtsebenziswano kweli, uRonald Lamola, utyelele usapho lukaLungu ePitoli.

Usapho lakwaLungu ludlale indima enkulu kweli, ingakumbi kwezemfundo kumaziko emfundo ephakamileyo kweli. 

Maninzi amadoda akwaLungu asebenze kwiiYunivesithi zoMzantsi Afrika njengeeNjingalwazi, ooGqirha nabanye. IYunivesithi yaseNtshona Koloni iphakathi kwamaziko axhamle ngamandla kwigalelo losapho lakwaLungu.

Ubuhlobo boMzantsi Afrika nelizwe laseZambia busuka ngamaxesha okulwela umzabalazo, ilizwe laseZambia linamangcwaba wabantu boMzantsi Afrika abaninzi kakhulu.