Iseziseleni zamaPolisa indoda yaseFlagstaff ebulele usapho lwayo ngoMvulo.
Image: SAPS
Iseziseleni zamaPolisa eFlagstaff indoda (24) ehlabe yabulala amanina amathathu, ekuquka umama wayo omzalalyo (50) kwakunye nodade wabo (20).
Ngokwengxelo kaCaptain Welile Matyolo, ithi esi sehlo senzeke ngezithuba zentsimbi yesithandathu ekuseni ngoMvulo kule veki kwilali iNqayimbana, eSiphaqeni, eFlagstaff, nalapho kuye kwasinda indoda (47) kuba iye yakhawuleza yabalekiselwa esibhedlele ebihlatywe ngumrhanelwa nayo.
UMatyolo uthi le ndoda emva kokuba yenze esi sehlo kowayo iphume yaya kumzi okudekufuphi nakowayo apho ifike yahlaba yabulala inkondekazi (97) nekurhaneleka ukuba ingumama wendoda ehlatyiweyo nebithandana nomama womrhanelwa.
Ingxelo ithi le ndoda isindileyo kurhaneleka ukuba ibithandana nomama womrhanelwa.
AmaPolisa aseFlagstaff ambambile umrhanelwa athatha nesixhobo eso ibisisebenzisa. Kulindeleke ukuba avele phambi kwenkundla ingaphelanga le veki. Unobangela wokubulawa kwamaxhoba awukaziwa.