Iindaba

Ingqwalasela eO.R Tambo emva kophando olubonisa ukuba liphezulu izinga lokukhulelwa kwabaselula

Abongile Ginya|Published

UGrirha Phelisa Dana weBhunga likaGawulayo eMpuma Koloni ngethuba bebambe Indaba eOsner Hotel eMonti ngeenjongo zokulwa kwanokuza nesisombululo ekukhulelweni kwabantwana abaselula ngokweminyaka.

Image: Abongile Ginya

Ukukhulelwa kwabantwana abangamantombazana nabaselula ngokweminyaka kummandla waseNyandeni phantsi kweO.R Tambo kunezizathu ezininzi ezihamba nemicelimngeni, ezinye zazo kukuyeka phakathi esikolweni kwanendlala. Oku kuvele ngethuba iBhunga likaGawulayo eMpuma Koloni (EC AIDS Council) belibambe indibano eOsner eQuigney, eMonti, ngeenzame zokuza nesisombululo kumba wokonyuka kwezinga lokukhulelwa kwabantwana abaselula kakhulu ngokweminya eMpuma Koloni.

Eyona ndawo ithe yahamba phambili ngokophando olwenziweyo ziilali eziphantsi koMasipala iNyandeni kuba ingxelo yophando isithi ulutsha lwala mmandla luthi alufumani ngokwaneleyo ulwazi.

Owenze uphando ezilalini, uHlokoma Mangqalaza, uthi zininzi izizathu abaye bazibeke abantwana ezibangela ukuba bakhulelwe okanye bazibandakanye nezesondo besebancinci. UMangqalaza uthi bathi xa besebenzisa izixhobo zokucwangcisa ekuhambeni kwethuba ziza kubavalela amathuba ukuba bangaze bazale xa befuna usapho bebadala beqhathana ngento abayivayo. Uqhube wathi abanye bathandana nabantu abadala kunabo abaye baboyise ngamandla kwaye bangafuni kusebenzisa ikhondom.

UGqirha Phelisa Dana weBhunga likaGawulayo eMpuma Koloni uthi kungoko bebone kubalulekile ukuba kubanjwe le Indaba ukukhawuleza ukuhlangula abantwana kwanokwehlisa izinga eliphezulu lokukhulelwa kwabo beselula.

Uthi basebenzisene neSebe lezeMpilo ngokweenkcukacha ezichanekileyo kuba ililo elijongana ngqo nezi ngxaki xa beyokubeleka abantwana.

"Sibone kubalulekile ukuba sibenale Indaba futhi sibize nezinye izithili kuba sifuna ingcambu kanobangela wokukhulelwa kwabantwana singacingi thina siyayazi kanti akunjalo. Sikwabonile ukuba ezona ndawo zihamba phezulu zezi zisezilalini. Mhlawumbi izixhobo nolwazi azifikeleli ngolu hlobo thina sicinga zifikelela ngalo. Siye sicinge ukuba abantwana abakhoyo akukho nto bangayaziyo kanti akunjalo basekhona abangafumani ulwazi ngokwaneleyo," utshilo uGqirha Dana.

Umfundi waseEbenezer Majombozi High School eMonti uZikho Qumelo obeyinxalenye yeIndaba yeBhunga likaGawulayo eMpuma Koloni eOsner Hotel eMonti.

Image: Abongile Ginya

UGqirha Dana uthi okuxhalabisa nangakubi yile ngxelo yophando ethi abona bathatha amathuba kubantwana abangamantombazana ngootitshala babo, amapolisa noonoteksi nengabantu ekufanele ukuba ngabona bakhusela abantwana hayi ukuthatha ithuba.

Kule ndibano, iiNkosi zimemelelwe ukuba zingenelele kwiimeko ezinje emakhaya ukunqanda oku kwanomba wenkqubo yokuthwala kwabo.

UNoluvuyo Mekuto nobephuma kwiSebe loPhuhliso Loluntu, ukwabongoze abazali ekubeni ngoku bazifundise ukuthetha ngezesondo nabantwana babo, bemke kwixesha lakudala lokungathethi ngezesondo nabantwana.

UMfundi waseEbenezer Majombozi High School, uZikho Qumelo,16, nobeyingxenye yale Indaba uthi uzivile iingxaki bayazazi, uthi abakunqwenelayo kukuba banikwe iqonga ibengabo abanengxogxo-mpikiswano bengabafundi ukuze zize kwanangabo izisombululo zezi ngxaki.