Iindaba

Igwetyiwe inkosikazi yakuCentane eyabulala indoda yayo kuba eyibhaqe ilele nesihlobo sayo!

Abongile Ginya|Published

INkosikazi yakuCentane uNoncedo Mqokro (39) ugwetywe iminyaka elishumi elinesihlanu (15) yiNkundla ePhakamileyo yaseMthatha emva kokufunyanwa enetyala lokubulala.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Yinkosikazi yakuNondindwa eMcothama kuCentane egama linguNoncedo Mqokro, 39, egwetywe iminyaka elishumi elineshihlanu (15) ingaphakathi ejele emva kokuba ifunyenwe yiNkundla ePhakamileyo yaseMthatha inetyala lokubulala abantu ababini, indoda ebithandana nayo ekwangutata womntwana wayo, kwakunye nomakazi wakhe emva kokuba wathi wababhaqa beleli bobabini.

Ngokwengxelo ephuma kwiGunyabantu lezoTshutshiso (NPA), ithi le nkosikazi ngenene iwavume onke amatyala ayo phambi koMantyi. Esi sehlo senzeka ngomhla we19 kuCanzibe ka2024, kwindawo yakuKhabakazi kuCentane apho uMqokro wathi ebuya emcimbini owawuselalini yakhe kuNondindwa, eMcothama, kuCentane, kungorhatya ezintyintye ngotywala nowakhumbula isithandwa sakhe esesendleni wajika.

Ingxelo iqhuba ithi, ekufikeni kwakhe kwilali engaphesheya kuKhabakazi, indoda zange ifune ukuvula emnyango njengesiqhelo. Ekukrobeni kwayo le nkosikazi ngefestile akube ingavulelwa, yabona ukuba indoda yayo ixakekile nenye inkosikazi ayaziyo nesisihlobo kuyo isebhedini, neyanyanzela icango lade lavuleka. Ingxelo ithi ekungeneni kwayo yangqala kwindawo eyaziyo ehlala imela, yangqala kwesi sibini isiphindaphinda ukusihlaba emzimbeni, neyabayeka sakucela uxolo.

Le nkosikazi ukugqiba kwayo yangena kwigumbi lomama wekhaya yafika yachaza ukuba ihlabe indoda yayo kwakunye nomakazi wakhe kuba ebabhaqe belele bobabini kwaye ubashiye besaphila. Kusasa, kwafika iingxelo zokuba esi sibini sibhubhile, uMqokro wazinikezela ngokwakhe emapoliseni kuCentane kwangalo ntseni.

Ngethuba kulungiselelwa ukuwiswa isigwebo ngakuMqokro, inkundla iye yayiqwalasela nemeko yempilo engentlanga kaMqokro nanjengoko ephila ngokutya iipilisi zesigulo eyafunyanwa inaso. Kwaye inkundla iye yayiqwalasela eyokuba uMqokro lixhoba lokuphatheka gadalala kumtshato wakhe wangaphambili.

UAdvocate Loyiso Methuso uxelele inkundla ukuba uMqokro sele esuka ukuba lixhoba leGBV, usenemanxeba ngaphakathi angekapholi asemtshatweni wakhe wangaphambili. UMethuso uthe uMqokro ukubonakalisile ukuzisola ngaphakathi enkundleni ngesenzo asenzileyo kungoko efanelwe naluncedo olukhethekileyo.

OnguMlawuli kwiiNkundla zaseMpuma Koloni, uBarry Madolo, uthi nabaninzi amakhosikazi asele ekhe akubudlelwane obugadalala okanye angamaxhoba eGBV mawaphakame afune uncedo lolulekwa ukuze angaziboni nawo egaxeleka kwiingxaki ezinje.