UMnu. Fred Zhou, oyingqonyela kaHONOR South Africa, ubhengeze utyalomali oluza kunceda ulutsha ezilalini.
Image: Pedro Mapelo
Ngaphandle kokuvelisa iminxeba ephathwayo esemgangathweni wehlabathi, uHONOR ufuna ukuvala umsantsa omkhulu kwicala lezobuchwephesha phakathi koMzantsi Afrika neChina ngokutyala imali kwezemfundo.
Oku kudizwe nguMnu. Fred Zhou, oyingqonyela kaHONOR South Africa, emcimbini obuzinyaswe yinyambalala yabantu eKyalami, eMidrand, kwiveki ephelileyo. Kulapho uHONOR athe waphehlelela khona iminxeba yakhe emitsha kraca ekhokelwa ngoophopho ababini: iHONOR Lite 400 neHONOR 400 Pro.
Iminxeba engene emakethe kutshanje ilandela impumelelo ezuzwe yifowuni ekuthiwa yiHONOR Lite 200 ethengwe kakhulu eMzantsi Afrika kunyaka odlulileyo. Zombini iifowuni ezize noHONOR ziphala phambili ngenxa yobuchwephesha obutsha obuquka iAI encedisa abasebenzisi beefowuni ngendlela encomekayo.
Yonke iminxeba emitsha ayingenwa lula ngamanzi, iibhetri zihlala ixesha elide futhi zitshajiseka ngokukhawuleza. Kwabathanda imifanekiso, iAI iza kubancedisa xa bethatha imifanekiso neevidiyo ezintle. Kodwa enye yezinto ezintsha kukuba iifowuni zikaHONOR ziyakwazi ukuhlaziya imifanekiso emidala engasacaci kakuhle.
UMnu. Zhou uxelele inginginya ebizimase itheko ukuba uHONOR wathatha isigqibo sokutyala imali ebantwini abatsha ukuze uMzantsi Afrika ukwazi ukukhuphisana namanye amazwe amakhulu kwicandelo lobuchwephesha.
Le nto uHONOR uyenza ngokulola izakhono zabantu abanomdla kubuchwephesha kuwo onke amaphondo. Yimali ekwishumi leebhiliyoni zeedola yaseMelika ($10 billion) uHONOR ayibeke bucala ukuze khuqeqeshwe abantu ngobuchule obutsha obuyiAI engundabamlonyeni.
"Siyanibulela ngokuba yinxalenye yomcimbi wokuphehlelela iHONOR Lite 400 neHONOR 400 Pro. Ukusukela ngonyaka ka2002 afike ngawo uHONOR apha eMzantsi Afrika uqhube kakuhle kakhulu," utshilo uMnu. Zhou emsithweni obuzinyaswe nanguMphathiswa wezoNxibelelwano, uMnu. Solly Malatsi.
"SinguHONOR sifuna ukuvala umsantsa ophakathi koMzantsi Afrika neChina kwicala lobuchwephesha. Sinikele ngeefowuni ezixabise izigidi ezibini zonke zeerandi kwimibutho yesisa ukuze kuncedwe abantu. Futhi sizimisele ukuqeqesha abantu basezilalini kwiCoding nakwiAI," utshilo uZhou.