Iindaba

‘Bengingayazi ukuba ihagu iyakwazi ukuba nomvandedwa’

Abongile Ginya|Published

Ulutsha lwemimandla engqonge iNgcingwane eDutywa lufumene uqeqesho kwezolimo obeluqhutywa yiSakhikamva Training and Development Institute.

Image: Uthunyelwe

Noxa nje izinga lentswelo ngqesho lithe gqolo ukunyuka eMpuma Koloni, ulutsha lwemimandla engqonge iNgcingwane eDutywa lukulungele ukoyisa le ngxaki emva kokuxakathiswa ngezakhono zokulima nokufuya.

Kwiveki ephelileyo, iSakhikamva Training and Development Institute eseDrayini, eNgcingwane, eDutywa, inikeze ngeziqinisekiso (certificates) kubantu abatsha abangamashumi amabini (20) abathe baphumelela kuqeqesho oluthathe unyaka kwimiba kwanezakhono zokulima nokufuya.

Omnye oxhamle kolu qeqesho, uOnke Silwana, 26, naye ongowaseDrayini, uthi kuninzi akufundileyo kolu qeqesho.

"Bendingayazi ukuba ihagu iyakwazi ukuba neStress (umvandedwa). Ndothuka kakhulu ukuva lo nto, kodwa ngokuya kuhamba ixesha apha kuqeqesho ndabona ukuba umvandedwa ehagwini wenziwa yintoni kwaye unganyangeka kanjani."

USilwana uthi ufunde ukuba ubushushu, ukubanjwa gadalala nokungayiphi ngamaxesha oqhele ukuyipha ngawo ihagu, kungabangela umvandedwa.

"Ndifunde ukuba ihagu uyakwazi ukuyiqeqesha ukuba ingatyi kakhulu, ibe namaxesha wayo wokutya. Ndiye ndazifuyela ezam, ndabona ukuba iihagu ezi uyakwazi nokwenza ubuhlobo nazo futhi unxibelelane nazo. Nokuba sewuzipha ukutya ziyakwazi ukuba zikulinde ugqibe ukugalela ukutya phambi kokuba zitye," utshilo uSilwana.

Ulutsha lwemimandla engqonge iNgcingwane eDutywa lufumene uqeqesho kwezolimo obeluqhutywa yiSakhikamva Training and Development Institute.

Image: Uthunyelwe

Yena uAsiphe Gcilitshane, 27, naye ongowaseDrayini eDutywa, uthe: "Ndiqale ukuzibandakanya noqeqesho lwaseSakhikamva ukusukela kwinyanga kaCanzibe kunyaka ophelileyo."

UGcilitshane uthi ufumene ulwazi nezakhono ezibalulekileyo kwezolimo.

"Ndifunde lukhulu ngofuyo lweehagu, iinkukhu kwakunye nokukhulisa izityalo. Oomanejala baseSakhikamva bebeluncedo olukhulu, beqinisekisa ngokusifundisa ngendlela eyiyo.

"Ndinethemba elikhulu lokuba ulwazi nezakhono endithe ndazifumana ziza kubaluncedo ekubeni ndikwazi ukwenza igalelo kwicandelo lezolimo ngokwendlela eyimpumelelo," utshilo uGcilitshane.

UMlawuli Jikelele weSikhakamva, uWandile Nikelo, owenza izifundo zobugqirhalwazi (PhD) kubunzululwazi kwezofuyo (Animal Science) eUKZN, uthi bebegxile kulimo olunxaxhileyo (mixed farming) kolu qeqesho.

"Lubaluleke kakhulu olu limo lunxaxhileyo kuba lubanika izakhono kumacandelo afana nofuyo lweenkukhu, ukufuya kweehagu kwanezityalo. Luza kubanceda ke olu qeqesho kuba lubanika ithuba lokuziqalela amashishini wabo ukuze bakhulise uqoqosho.

"Siyacela nakurhulumente wethu ukuba alunike uncedo olu lutsha xa lufaka izicelo zomsebenzi okanye ukuqala amashishini wabo kwezolimo nokufuya," utshilo uNikelo.