Iindaba

URamaphosa wenze umbulelo kumaqhawe ahlangule abantu eDikolina!

Pedro Mapelo|Published

UMongameli uCyril Ramaphosa, ekhatshwa nguMnu. Oscar Mabuyane, bajikeleze iDikolina entlithwe zizikhukhula ngoLwesine odlulileyo.

Image: Pedro Mapelo/I'solezwe lesiXhosa

Iimvula ezinkulu ezikhatshwe ngumoya kwiveki ephelileyo zenze idemesha engasoze ilityalwe kwiphondo leMpuma Koloni naselizweni njengokubanzi. Oku kushiye kusweleke abantu abangamashumi alithoba (90) abamke namanzi nangenxa yokuvalelwa ngamanzi ezindlini, ngakumbi eMthatha – apho kwenzeke umonakalo omkhulu.

Ngaphezulu kwenyhikityha yokufa, abantu abaninzi balahlekelwe zizindlu zexabiso neemoto zodidi oluphezulu kwidemesha eqikelelwa kwizigidi zeerandi. Njengokuba bekukubi kakhulu eDikolina, eMthatha – apho kusweleke abantu abadala nabantwana abancinane, amadoda aphaya aye aluthathele kuwo uxanduva lokusindisa abantu.

Abanye basindiswa kukubambelela emithini, abanye bakhwela ngaphezulu kwezindlu zabo zintywile emanzini abenamandla ngendlela emangalisayo ngoLwesibini weveki ephelileyo. Phakathi kwamadoda enze umsebenzi omhle wokusindisa abantu phambi kokufika kwabahlanguli bakaRhulumente bekukho uThembalipheli Majeke ekuthiwa nguBhele.

Nguye ocacisele uMongameli Cyril Ramaphosa okwenzekileyo eDikolina kwiveki ephelileyo. UMongameli uchithe imini yonke yangoLwesine ejkeleza eMthatha ngoba ebefuna ukuzibonela ngamehlo wakhe umonakalo athethe nabantu abachatshazelwe kakubi ngunogumbe.

Emva kokubaliselwa okwenzekileyo ukusukela ngomhla welishwa, uMongameli uwuncomile umsebenzi omkhulu owenziwe ngabantu baseDikolina abancedise uRhulumente. "Siyawubulela umsebenzi eniwenzileyo," utshilo uMongameli ebhekisa kuMajeke obengomnye wabahlali abancede abantu eDikolina.

Emva kokujikeleza izitalato zaseDikolina nokuva ebantwini abahlangule abantu, uMongameli uwuncomile nomsebenzi owenziwe nguRhulumente ngokwahlukana kwamasebe onke. Uvakalise uvuyo emva kokuhlangulwa kwabanye abantu abafunyenwe besaphila kwiindawo abebexinge kuzo.

Ilizwi alishiyileyo lithe uRhulumente uza kuzenza iinzame zokunceda abantu abalahlekelweyo zizinto kwisithwakumbe saseMthatha. Phakathi kwabantu ababhubhileyo, kukho nabantwana besikolo ekuthiwa yiJumba esikwilali yaseTabase.