Iindaba

Ucela uncedo oshiyeke nje emva kukanogumbe obuseMthatha!

Pedro Mapelo|Published

UAyanda Hlalu, oxhagwe ngabamelwane, ngomnye wabantu abadilizelwe izindlu ngunogumbe obuseMthatha.

Image: Pedro Mapelo/I'solezwe lesiXhosa

Emva kokudilika komzi wakhe, uAyanda Hlalu ubhenele kuRhulumente ngelithi makancede bonke abantu abathe balahlekelwa zizindlu zabo emva konogumbe otshabalalise kwiveki ephelileyo eMthatha.

Ngabantu abangaphezulu kwamawaka amabini anamakhulu amathandathu (2686) abashiyeke bedinga iindawo zokuhlala emva kokuba izindlu zabo zidilizwe ziimvula ezinkulu eziswantsulise iindawo ezininzi kwiphondo leMpuma Koloni. Ngabantu abangamashumi alithoba (90) ababhengezwe njengabaswelekileyo emva kwezandyondyo zeemvula ezimoshe kakhulu eDikolina, eMthatha.

Ingxelo ekhutshwe nguRhulumente ithi abantwana abaswelekileyo bangamashumi amathathu (30), amashumi amathandathu (60) ngabantu abadala. UMnu. Ayanda Hlalu ucinga ukubuyela kowabo emva kokudilika komzi wakhe.

Ethetha nentatheli yeli phephandaba, uAyanda uthe kumnandi okwetutyana kwindawo abafihle kuyo iintloko kodwa ziza kujika izinto. Abantu baseDikolina bavuke izindlu zabo zithe gabhu emanzini, kumoshakele iimoto kusweleke nabantu emva kweemvula ezine ngamandla ngoLwesibni weveki ephelileyo.

"Apha kune imvula kwagcwala umlambo aze amanzi eza ezindlini. Baswelekile abantu, abanye bemke namanzi. Oomakhelwane bam abekho nathi sonakalelwe futhi asinazo neempahla," utshilo uAyanda oshiyeke neempahla ebezinxibile kuphela.

URhulumente ubagxekile abantu abakhe imizi kufuphi nomlambo otyekeze amanzi amoshe iimpahla zabo. "Into ebangela sakhe apha kungenxa yokunqaba kweendawo zokuhlala. Sancama sazokuzihlalela apha ezantsi.

"Ngoku sicela uRhulumente asincede. Sonakalelwe zizindlu ezininzi futhi kumke nabantwana boomakhelwane bethu," utshilo uAyanda. Uthe akazi ukuba uza kuhlala phi ngoba eholweni izinto ziza kuguquka ekuhambeni kwexesha. Emva kokuhlola umonakalo ngoLwesine weveki ephelileyo, uMongameli Cyril Ramaphosa ushiye ilizwi elithi uRhulumente uza kubanceda abantu.

Abahlali basose bacela kuye ukufakelwa umbane abathi waqhalwa nguMasipala waseKing Sabata Dalindyebo Local Municipality ekuqaleni kwalo nyaka kuba esithi indawo abahleli kuyo kusaxoxwa ngayo enkundleni kuba kusithiwa bakhe imizi endaweni abangavumelekanga kuyo.