EKUQALENI: NguLisanda (19) kwakunye nodade wabo uImyoli (16) abangasenabo abazali eChris Hani benikezwa indlu yakowabo ngokusesikweni nguMphathiswa uSiphokazi Lusithi nabayakhelwe ngurhulumente waseMpuma Koloni.
Image: Uthunyelwe
ULisanda Mtsotetsi (19) waseDordrecht, nobekade engenalo ikhaya elilelakhe nabantwana bakowabo bekhuliswa emzini emva kokushiywa ngumama wabo, uphakathi kwabantu abangamashumi amathathu (30) abathe baxhamla kwizindlu zesibonelele zikarhulumente.
Kule nyanga yeSilimela neyinyanga ekukhunjulwa igalelo labantu abatsha kumzabalazo woMzantsi Afrika, iSebe lokuHlaliswa koLuntu eMpuma Koloni likhumbule abantu baseDordrecht kwisithili saseChris Hani.
ULisanda ebebulela uthethe wathi: "Ndiyabulela ekugqibeleni side salifumana ikhaya emva kokuba sathi sacholwa ngumakhulu singenandawo iyeyethu. Apha ekukhuleni bendinazo zona iingcinga zokuba mhla lo makhulu wasicholayo wabhubha singakhutshwa ngaphandle ngabantwana bakhe. Kodwa umakhulu oko wayehlala esinika ithemba esithi masingaxhali uThixo lona icebo uza kuliveza. Ngenene ulivezile kwaye siyavuya nangona ndingenawo amazwi kodwa yona intliziyo yonwabile."
ULisanda uza kuhlala kwikhaya labo nodade wabo uImyoli.
UMphathiswa weSebe leMisebenzi yoLuntu kunye neziSeko ezinguNdoqo, uSiphokazi Lusithi, uthi le yinyanga ekukhunjulwa igalelo labantu abatsha kumzabalazo weli loMzantsi Afrika. ULusithi uthi eli likhaya elikhokelwa ngumntwana omncinci. "Oku sikwenza apha kweli khaya kukubonisa igalelo elidlalwa ngurhulumente ekuphuhliseni nokukhathalelwa kwabantu abatsha."