Iindaba

Bawucele kuRamaphosa umbane abawuhluthwa yiKSD Local Municipality!

Pedro Mapelo|Published

UMongameli Cyril Ramaphosa umbambe isandla uMangcitshane ochaze intlalo yabo eDikolina, eMthatha, phambi kwentlekele eyenzeke kwiveki ephelileyo.

Image: Pedro Mapelo/I'solezwe lesiXhosa

Umam' uMangcitshane uxelele uMongameli Cyril Ramaphosa nenkokeli yephondo uMnu. Lubabalo Oscar Mabuyane ukuba umonakalo ubemkhulu ngoba abantu baseDikolina bahluthwa umbane nguMasipala waseKing Sabata Dalindyebo Local Municipality ekuqaleni kwalo nyaka.

Oku ukuthethe ngqo ekhona uSodolophu uMnu. Nyaniso Nelani entlanganisweni ebibanjelwe kwindawo ekugcinwe kuyo amaxhoba okwethutyana ekuthiwa yiEagle Minds Revision Centre kwiveki ephelileyo.

"URhulumente osiphetheyo apha uthi sinembambano. Yinto leyo eyenza singazinikwa iinkonzo zikaRhulumente njengabanye abantu," utshilo uMangcitshane ethethela abantu baseDikolina abathi yiZwelandile. "Sibulela inkokeli yephondo [uOscar Mabuyane] esizisele uSodolophu ongakwaziyo ukuza kule ndawo esikuyo.

"Sambona mhla kwakuzoqhawulwa umbane ehamba namapolisa. Umbane apha sawugqibela kwinyanga yoMdumba kulo nyaka. Ndifuna uyazi Mongameli into engaphakathi kum. Ndinayo into ebujongisa phaya kuSodolophu ethi ukuba bekumhlophe, sinombane, noko ngekungakhange kude kube yile ndyikityha – kodwa ke ndimxolele," utshilo uMangcitshane oqhwatyelwe izadla ngabantu bokuhlala.

"Abantu bale ndawo khange babenalo ithuba lokuva izilumkiso ngemozulu. Khange beve ukuba kukho iimvula ezinkulu ezizayo ngoba bahleli ebumnyameni. Okwesibini, njengokuba kumnyama kule ndawo yethu, siyoyika ukuphuma phandle ngenxa yezinga eliphezulu lobugebenga.

"Siyakubulela kodwa ukufika kukaRhulumente kule ndawo ekuthiwa inembambano. Kule ndawo ekuthiwa soze inikwe iinkonzo zikaRhulumente. Apha akukho zindlu zangasese, zindlela, namanzi la ekuthiwa sisidingo somntu. Singabantu abaziwayo xa kusondela uvoto," utshilo uMangcitshane phambi kokucela umbane kuMongameli welizwe.

"Sicela ukuhlala ekukhanyeni Mongameli. Sicela ukuzazi nathi ukuba singabantu baseMzantsi Afrika. Sizibona singamakheswa kodwa kwesi isigaba sikuso siyanibulela. Akukho nto engenziwanga kule ndawo. Bonke abantu abalapha bahluthi.

"Sidla ngokuva ethivini kusithiwa kuye kwalanjwa kwiindawo ezinje – kodwa othi akafumananga apha ngongahlali apha. Othi akasifumananga isiponji nengubo ngosuke kwakhe kuba kusithiwa kuyafunyanwa apha. Zonke izinto zinikwe abantu abafanelekileyo," utshilo uMangcitshane ocele kufakwe umbane phambi kwenyanga yeNkanga kulo nyaka.