Ngethuba uMphathiswa wezoKhuselo kunye namagqala oMkhosi uAngie Motshekga esamkela amajoni ngoLwesihlanu kwiziko loMkhosi woMoya eWaterkloof.
Image: SANDF
Iqela lesithathu lamajoni oMzantsi Afrika ebekwilizwe laseDemocratic Republic of Congo (DRC) kulindeleke ukuba lifike eMzantsi Afrika emva kwemini namhlanje, ngoMvulo. Oku kuza emva kokuba amajoni angaphezu kwamakhulu amahlanu (500) sele ebuyile kweli lizwe.
La majoni, nebekwimpuma yeDRC ephantsi kwenkxaso yombutho weSouthern African Development Community Mission eDRC, eyaziwa njengeSAMIDRC, ebekweli lizwe ngomsebenzi wokugcina ugcwangco.
NgoLwesihlanu weveki ephelileyo, iqela lokuqala lamajoni angama249 labuyela ekhaya. NgeCawe, kule mpelaveki iphelileyo, iqela lesibini lamajoni angama257 lagaleleka kwisikhululo soMkhosi woMoya eWaterkloof, eTshwane.
Iqela lesibini lifike phakathi kwentsimbi yesithathu neyesihlanu emva kwemini, isithethi soMkhosi woMzantsi Afrika (SANDF), uRear Admiral Prince Tshabalala, uqinisekise ukuba iqela lesithathu lilindeleke ukuba lifike ngoMvulo we16 kweyeSilimela 2025 ngexesha elifanayo nexesha elichazwe ngeCawe.
"Oku kubuyela ekhaya ngezigaba kuyinxalenye yokurhoxiswa kwamajoni eSANDF kwindawo ebesebenza kuyo. Ekubuyeni kwabo, amajoni aza kungena kwinkqubo yesiqhelo yokubakhulula, ebandakanya ukuhlolwa kwabo ngokwezempilo, inkxaso ngokwasengqondweni kunye neenkonzo zokuhlanganisana," utshilo uTshabalala.