Uphando lubonisa ukuba umntwana unoyise ebomini bakhe, loo nto ichaphazela impilo-ntle yakhe ngendlela eyakhayo.
Image: News Team AI Lab
Iingcali zithi ootata abakhoyo kubomi babantwana babo bayayichaphazela kakuhle impilo-ntle yabantwana babo.
Xa ootata bekhona kubomi babantwana babo, oko kunokuba nefuthe elihle kakhulu kuphuhliso lwabo lweemvakalelo, lwentlalo, nolwengqondo, ngokutsho kweengxelo zeengcali.
Ukuba ngutata yindima ebangela uvuyo nolwaneliseko, kodwa kuneengxaki zako. Kukho intetho ethi yonke indoda iyakwazi ukwenza umntwana, kodwa ambalwa amadoda akwazi ukuba ngootata. Kukho amadoda anabantwana abangekhoyo ebomini babantwana babo ngenxa yezizathu ezahlukeneyo.
Ngokutsho kwenqaku leIOL, uphando lubonise ukuba ubudlelwane obuhle phakathi kooyise kunye noonyana bunciphisa ubundlongondlongo kunye nokuziphatha kakubi xa bekhula kwaye kunciphisa ingozi yobundlobongela ngakwisithandwa sabo kamva ebomini malunga neepesenti ezingamashumi amahlanu (50%).
Kuthiwa kwiintombi, utata obonisa inkxaso unokubanceda baphuhlise indlela efanelekileyo yokucinga ngemizimba yabo, bakhulise ukuzithemba kwaye banciphise umngcipheko wokukhetha ukungena kubudlelwane obungalunganga.
NgeCawe, umhla we15 kweyeSilimela 2025 lusuku lootata, olu lusuku lokuwonga nokuqaphela igalelo, uthando nenkxaso yootata nabantu abadlala iindima yootata kwiintsapho nakuluntu.
USimo Ndyoko owaseka umbutho waseMakhanda iSingamadoda Men Empowerment Spaces.
Image: Uthunyelwe
Eli phephandaba I’solezwe lesiXhosa lincokole noSimo Ndyoko ngootata – lo kaNdyoko waseka umbutho iSingamadoda Men Empowerment Spaces ukunika amadoda iqonga lokuhlaziya ubudoda okanye ukuchaza ubudoda ngendlela eyakhayo nokuba ziinkokeli ezingcono kwiindawo abahlala kuzo.
Ethetha ngefuthe lootata kubomi babantwana, uNdyoko uthe, "Umntu ongutata emntwaneni unika ithemba, uthando, kananjalo kufuneka ukhumbule ukhuseleko lukatata emntwaneni luvelisa impilo-ntle esemgangathweni nesimo sengqondo esihle emntwaneni."
UNdyoko ukwahlaba ikhwelo kuluntu ukuba luxhase ootata kuba "babandezeleke kakhulu ngokwasengqondweni."
"Ezinye izalamane zabo azibaboni njengootata, abanye abavumelekanga ukuba babone iintsana zabo ngaphandle kwesizathu esibambekayo, maxa wambi ngezityholo ezincinane. Ngoko olu hlobo lempatho abalufumanayo luyababulala ngaphakathi. Abanye babo baphela bedandathekile," utshilo uNdyoko.
Ngexesha lenye leendibano zeSingamadoda Men Empowerment Spaces.
Image: Uthunyelwe
Uqhube wathi yilento ibetha amadoda, ukuba nomntwana kodwa ukungavunyelwa ukumbona kubuhlungu. Uthe iimeko ezilolu hlobo kufuneka zilungiswe ngoonontlalontle, okanye zombini iintsapho ezibandakanyekayo, kuba akusayi kubakho sisombululo ukuba isibini siyisombulula ngokwaso le ngxaki.
"Ukulwa akuncedi kuba amadoda abulala abantu ababhinqileyo, akukho sizathu esithi bulala – masiyiyekeni loo nto, ayikho into ethi bulala okanye ubethe kwaye soze ibekho."
Ethetha ngeenzame zombutho wakhe ekuphuculeni amadoda, uNdyoko uthe: "Umbutho wethu uzisa utshintsho oluninzi kunye nonxibelelwano olucacileyo phakathi kwamadoda. Injongo yethu njengeSingamadoda Men Empowerment Spaces kukukhuthaza amadoda amaninzi ngokwezoqoqosho, ucoceko kunye nezothando ukuze sikwazi ukudala uluntu olunenzolo."
Ubukho bootata kubomi babantwana bunokuba nefuthe elihlala ixesha elide nelihle kwimpilo-ntle yabo. Ngokubandakanyeka ngenkuthalo, ootata banokuba nendima ebalulekileyo ekuxonxeni ikamva labantwana babo.