Iindaba

URamaphosa uthi urhulumente uzibophelele ekuncedeni abantu abathwaxwe zizikhukula eMthatha

Cwayita Nondula|Published

UMongameli uCyril Ramaphosa ethetha noonondaba ngethuba etyelele iindawo ezithwaxwe zizikhukula eMthatha, eMpuma Koloni.

Image: Pedro Mapelo/I'solezwe lesiXhosa/Uthathwe kwividiyo

UMongameli uCyril Ramaphosa utyelele iindawo ezithwaxwe zizikhukula eMthatha ukubona umonakalo oshiywe zezi zikhukula zisube imiphefumlo yabantu abangama78, uthembise ngenkxaso kwiindawo ezichaphazelekileyo watsho wathumela amazwi ovelwano kwiintsapho ezisentlungwini.

URamaphosa uthe wanelisekile ngaBaphathiswa bakazwelonke bamaSebe ohlukeneyo afana noLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yezeMveli (Cogta), ezeMfundo nezeMpilo ngendlela abasabela ngayo kule ntlekele – kwakunye namanye amagosa karhulumente kumanqanaba ahlukeneyo. "Ndichukumiseke kakhulu yindlela amaSebe ethu ohlukeneyo, kwinqanaba likazwelonke, elephondo nelengingqi, asabela ngayo kule ntlekele. Yintlekele enkulu le," utshilo eMthatha ngale njikalanga.

UMzantsi Afrika uthwaxwa yimeko yokutshintsha kwemozulu kule minyaka. UMongameli uthe utshintsho lwemozulu luyavakala.

"Umceli mngeni wokutshintsha kwemozulu mkhulu kakhulu, kwaye ichaphazela impilo yabantu, ichaphazela iziseko zophuhliso, ikwachaphazela ubomi babantu esiphulukana nabo, silahlekelwe ngabantu abangama78 ngeentsuku nje ezimbini okanye ezintathu."

URamaphosa uthe ukutshintsha kwemozulu ngomnye wemiba abafuna ukuthetha ngayo kwiG20. "Njengokuba ngoku sisiya kwiG7 eCanada, ngomnye wemiba esiza kuyibeka phambili kwiajenda yehlabathi ukuba iindawo zehlabathi apho kukho iintlekele ngokuphindaphindiweyo njengathi kwilizwe lethu. IKwaZulu-Natal naseMpuma Koloni zisoloko zichatshazelwa ziintlobo ngeentlobo zeentlekele."

Ukwancome amaqela ohlangulo kunye nabakwaforenziki asebenze nzima kakhulu kule ntlekele. "Baye basabela ngokukhawuleza kwaye ezinye iintsapho zinxunguphele, kodwa zikwathuthuzelekile kukuba imizimba yabantu ababathandayo ifunyenwe, kwaye sele kwenziwe noxilongo lwemizimba kwaye ngoku bakulungele ukungcwaba abangasekhoyo."

URamaphosa uthe urhulumente uzibophelele ngokuncedisa abantu abathe bachatshazelwa yile ntlekele, ukwathe wothulela umnqwazi imibutho engekho phantsi korhulumente ebixakeke kule ndawo.

"Iinkokeli zethu zonqulo bezisoloko zilapha kwaye siyazibulela ngaloo nto. Bekukho uncedo oluninzi kwaye oku kusenza sizibuze ukuba sikulungele kusini na ukujongana nentlekele – ukusa kumlinganiselo othile, ewe sikulungele kwaye kufuneka senze nangakumbi."

URamaphosa ukwathe bafumene imiyalezo yenkxaso evela kwamanye amazwe.

Njengoko amaphulo okunceda abo bathe bachaphazeleka kule ntlekele eqhubeka kwiindawo ezichaphazelekayo, iqela lokukhangela nokuhlangula lisazama ukufumana imizimba yabantu abangekafunyanwa – inani labo babhubhileyo kulindeleke ukuba linyuke.