Linyukile inani labantu abathe babhubha eMpuma Koloni ngenxa yezikhukula.
Image: OR Tambo District Municipality
Inani labantu abathe babhubha eMpuma Koloni ngenxa yezandyondyo zemvula linyuke laya kutsho kuma57 ukusukela ngale ntsasa – linyuke ngesibhozo njengoko kusaqhutywa iinzame zokukhangela nokuhlangula kwiindawo ezichaphazelekileyo.
UMphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli (Cogta), uVelenkosini Hlabisa, uqinisekise eli nani ngentseni yanamhlanje eMthatha.
Ethetha neSABC, uHlabisa udlulise amazwi ovelwano kwiintsapho zale ngingqi eziphulukene nezihlobo zazo, esithi bakhona ngeenjongo zokunika inkxaso. "Sigqibe ekubeni size ukuze singabi ngurhulumente ongekhoyo. Le yintlekele yokwenyani xa unabantu abaninzi ababhubha ngosuku olunye.
"Siyibonile ibhulorho apho isithuthi ebesithutha abafundi simke namanzi kwaye silapha nabachaphazelekayo abohlukeneyo ukuqinisekisa ukuba sinika isandla senkxaso eluntwini, koomasipala basekuhlaleni, koomasipala bezithili, ndiphelekwa nguSodolophu kunye norhulumente wephondo leMpuma Koloni, uMphathiswa weCogta ulapha njengoko iNkulumbuso ibilapha izolo [ngoLwesithathu]," utshilo uHlabisa.
Uqhube wathi namhlanje baza kuqinisekisa ukuba bayandwendwela iindawo ezonakaliswe iziseko zophuhliso ngenxa yale ntlekele, baza kudibana noluntu neentsapho zababhubhileyo.
UHlabisa ukwavakalise inkxalabo yakhe ngabantu abahlala kwiindawo ezikufutshane nemilambo nanjengoko esithi iindawo ezikumila kunje zithwaxwa ziintlekele ezinje, umemelele urhulumente ukuba ayilungise le nto. "Kwinqanaba likarhulumente kufuneka sithathe inyathelo ngabantu abakwiindawo ezikufuphi nemilambo, kufuneka basuswe kuba xa kufika enye intlekele efana neemvula ezinkulu siza kubuyela emva, andithethi ngale ndawo kuphela, oku kufuneka kube linyathelo likazwelonke."
INkulumbuso yephondo leMpuma Koloni, uOscar Mabuyane ngethuba ethetha noonondaba ngoLwesithathu uvakalise umba wokunqongophala kwezixhobo kulo mmandla ekufuneka kujongwane nawo. Oku kusemva kokuba iindadi ezisetyenziswayo kuthiwa zisuka eMonti kwaye inqwelontaka esetyenziswa kwiphulo lokuhlangula isuka eGqeberha.
Izolo I’solezwe lesiXhosa linike ingxelo ngoMphathiswa weCogta eMpuma Koloni, uZolile Williams nothe wabelana ngezinto ezenziwa ngurhulumente wephondo ukulawula le ntlekele. UWilliams uthe: "Amaqela obugcisa athunyelwe ukuba ajongane neenkonzo zobunjineli ukuzama ukuqinisekisa ukuba iinkonzo zibuyela kwisimo sesiqhelo. UEskom ubelapha ukuqinisekisa ukuba umbane ubuyile. Sizama ukuqinisekisa ukuba yonke into enxulumene neebhulorho ezivaliweyo, iindlela ezonakalisiweyo kwaye yonke into iyaphendulwa ukuze siqinisekise ukuba ubomi bufikelela esiqhelweni."
UMphathiswa weMfundo esiSiseko, uSiviwe Gwarube, naye usephondweni ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba izikolo ezichaphazelekayo neentsapho ziyaxhaswa ngeli xesha linzima.
Kusenjalo, uMongameli Cyril Ramaphosa uqinisekise ukuba uza kuya eMpuma Koloni ngoLwesihlanu, umhla we13 kweyeSilimela 2025, ukuya kuthuthuzela nokunika inkxaso kuluntu lweli phondo oluchatshazelwe yimozulu embi.
"Iphondo leMpuma Koloni lithwaxwe zizikhukula ezibulele abantu abangaphaya kwama49, ndiza kuya khona ngomso ndiyojonga indlela abantu abasokola ngayo apho nokuba singathuthuzela njani iintsapho, siqulunqe namanyathelo oncedo.
"Siza kunika inkxaso yokwenene kubantu abathe bachaphazeleka koku kwaye sithumele amazwi ethu ovelwano kwezo ntsapho ziphulukene nezihlobo zazo nendlela esinokumxhasa ngayo urhulumente waseMpuma Koloni ukujongana nale ntlekele kwakunye norhulumente wasekuhlaleni kule ndawo," utshilo uMongameli Ramaphosa ethetha kwingqungquthela yeAfrica Green Hydrogen 2025 eKapa, eNtshona Koloni.