Iqela labahlanguli lirhuqa umzimba eMthatha, lo mntu ulixhoba lezikhukhula zaseMpuma Koloni.
Image: Uthunyelwe
Ngabafundi abane abangekafumaneki nanjengoko iphulo lokukhangela nokuhlangula lisaqhubeka kweli phondo, inani labantu ababhubhileyo ngoku limi ku49 kwaye abathandathu kwababhubhileyo kuqinisekiswe ukuba ngabafundi besikolo iJumba Senior Secondary School abebehamba ngemoto ebibathutha ibasa esikolweni ngethuba ikhukuliswa zizikhukula emva kokuwa kwebhulorho ngoLwesibini.
Urhulumente wephondo kunye neenkokheli zesithili saseOR Tambo neKing Sabata Dalindyebo bakwimimandla echaphazelekayo behlola umonakalo, bekwaxhasa imisebenzi yoncedo, nokuthethathethana ngqo neentsapho noluntu oluchaphazelekayo.
INkulumbuso yaseMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, ethetha noonondaba uthe amaphulo okukhangela nokuhlangula akhokelwa yiNkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika (SAPS) eMthatha nakwimimandla engqonge uMthatha akhangela abanye abafundi.
UMabuyane ukwangqinile ukuba isithuthi esithutha abafundi sasikhwelise abafundi abayi13 kunye nabantu abadala ababini – umqhubi nomncedisi wakhe. "Kula 13, abathathu bahlangulwe bephila izolo [ngoLwesibini], abalishumi belahlekile, ngethuba ndipha, ndafumana ingxelo malunga nabathandathu abasele bebhaqiwe beswelekile kwaye abane basalahlekile."
Ebutsheni banamhlanje, uMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni, uFundile Gade, ephelekwa nguMphathiswa weSebe loPhuhliso loLuntu, uBukiwe Fanta, neeNkonzo zeNtlalontle, batyelele isikolo samabanga aphakamileyo iJumba Senior Secondary School ngeenjongo zokuhambisa iindaba ezibuhlungu egameni likarhulumente.
"Sikunye noMphathiswa uFanta kunye neeNkonzo zeNtlalontle, siye sadibana nabanye abazali kwisikolo samabanga aphantsi iMandela Park Primary School ngaphambili. Ngelishwa, ezi ndibano azilulanga, singabathwali beendaba ezimbi. Ngaphaya koko, ikomiti esebenza ngentsebenziswano yephondo ekhokelwe yiNkulumbuso ikuMasipala waseOR Tambo ityelela ezinye iindawo ezichaphazelekileyo kuquka iintsapho zabanye abantu abaswelekileyo," utshilo uGade.
UGade uthe iindawo ezintathu ezichaphazeleka kakhulu yiOR Tambo, Amathole East kunye neAlfred Nzo West. Ukwaqinisekise ukuba ukuza kuthi ga ngoku zizikolo eziyi58 ezichatshazelwe yile mozulu imbi kweli phondo. "Sithumele igqiza labahloli ukuba benze uhlolo, ngokuqinisekileyo apha evekini soba sigqibile ngengxelo echaza ixabiso lomonakalo," utshilo.
Uthe ngokolwazi abalufumene kuBalawuli beZithili, ngabafundi abayi6038 abachaphazelekayo kwezi zikolo ziyi58 kwaye abakwazi ukufunda.
Le mozulu imbi kakhulu ifike kanye ngexesha abafundi bexakekile ziimviwo zaphakathi enyakeni. UGade uthe le mozulu ayizikuphazamisana neemviwo nanjengoko iphondo likhethe ukuba kubekho inkqubo yeemviwo elawulwayo evumela baqhube ngenye indlela xa kukho ingxaki.
"Nokuba likhona iphepha elilungisiweyo, kwiveki ezayo bangabhala elinye iphepha kuba bahlala belungisiwe [amaphepha]. Azikho ngaphezu kwesihlanu izikolo kwizikolo eziyi5000 zeli phondo ezibhala iphepha lazo. Sikhuselekile malunga noku, kodwa iza kuba ngumba onzima weziseko ezingundoqo, njengoko siseneengxaki ezisafuna ukusonjululwa kweli phondo," utshilo uGade.
Kusenjalo, uMphathiswa weMfundo esiSiseko uSiviwe Gwarube uqinisekise ukuba usendleleni esingise eMpuma Koloni ukuze azibandakanye noGade namaqela akhe.
"Ndikhe ndanxibelelana noMongameli, uMphathiswa weCOGTA, kunye noMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni, kwaye ndisafumana uhlaziyo rhoqo kumaqela olawulo lweentlekele ephondo. Siza kusebenzisana noRhulumente weMpuma Koloni kunye neCOGTA kwezi ntsuku zizayo ukuze siqinisekise ukuba siyabaxhasa abafundi nootitshala bethu ngeli xesha lentlekele," utshilo uMphathiswa uGwarube.
Urhulumente wephondo ukwahlabe ikhwelo kubantu nemibutho ukuba ixhase uluntu njengoko lujongene nale meko imbi.