Iindaba

Bangama49 ababhubhe kwizikhukula eMpuma Koloni

Cwayita Nondula|Published

Umzimba orhuqwa ligqiza lokukhangela nokuhlangula emva kokuba uhlangulwe eMthatha eMpuma Koloni.

Image: Uthunyelwe

Inani labantu abathe babhubha ngenxa yezikhukhula eMpuma Koloni ukusukela emva kwemini yangoLwesithathu liqinisekisiwe ukuba bangamashumi amane anesithoba (49). Eli nani kulindeleke ukuba linyuke njengoko imisebenzi yokuhlangula iqhubeka.

INkulumbuso yephondo leMpuma Koloni uOscar Mabuyane, ephelekwa ligqiza laBaphathiswa nooSodolophu abaphuma kuMasipala wesithili saseOR Tambo kunye naseKing Sabatha Dalindyebo, uthethe noonondaba waliqinisekisa eli nani, kwakunye nenani labafundi abakhukuliswe zizikhukula ngesithuthi esibasa esikolweni.

Inani labo bebekhwele kwisithuthi ngabafundi abalishumi elinesithathu (13) kunye nabantu abadala ababini – umqhubi nomncedisi. Abane kwaba bafundi baqinisekisiwe ukuba babhubhile kunye nomqhubi nomncedisi wakhe, abafundi abane abakafunyanwa kwaye basakhangelwa ligqiza labahlanguli, uqinisekise watsho uMabuyane.

"Amaphulo okukhangela nokuhlangula ayaqhuba kuzo zonke iindawo ezichaphazelekileyo ingakumbi kuMasipala weSithili saseOR Tambo nalapho izandyondyo zemvula ezithe zanetha kwezi ntsuku zidlulileyo zibangele izikhukula ezishiye amakhulu eentsapho zingenamakhaya kwanomonakalo weziseko ezingundoqo," uthethe watsho uMabuyane.

USodolophu woMasipala weSithili iOR Tambo, uMesuli Ngqondwana, uthe ezinye zeziseko zabo zichaphazeleke ngokumandla ingakumbi uluntu olufumana iinkonzo kwisikhululo samanzi saseThornhill. "Ngethamsanqa, senza inkqubela ekulungiseni iimpompo eziye zachaphazeleka. Kwiimpompo ezisithoba, zintlanu ubuncinane ezisebenzayo, amaqela ethu asalungisa ezo zingasebenziyo," uqinisekise watsho uNgqondwana.

UNgqondwana ukwathe bakwiphulo lokufumana iiloli ezihambisa amanzi kuluntu oluchaphazelekileyo.

Ukunqongophala kwezixhobo zoncedo kuphinde kwaphakanyiswa nanjengoko iindadi ezisebenza eMthatha kusithiwa zisuka eMonti kwaye nenqwelontaka esetyenziswayo ibisuka eGqeberha. UMabuyane uthe oko kufuneka kuphuculwe nanjengoko iphondo leMpuma Koloni lithwaxwa ziintlekele.

Kusenjalo, uMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni, uFundile Gade, ungqinile ukuba zingama58 izikolo ezonakalisiweyo kwaye abafundi abangaphaya kwama6000 baye bachaphazeleka njengoko kumisiwe ukufunda. UGade uthe iAmathole East neAlfred Nzo West zezona ndawo zichaphazelekileyo.

Oonontlalontle nabo bakwimimandla echaphazelekayo ukunika inkxaso kwiintsapho.