Ooceba ababini abajongene netyala lobuqhophololo nobuqhetseba banikwe ixesha ukuba babhatale iR40 000 umntu ngamnye okanye iminyaka emihlanu ngaphakathi ejele.
Image: Pixabay / File
Ngooceba ababini boMasipala wasekuhlaleni iWalter Sisulu ekufuneka babhatale imali eyiR40 000 umntu ngamnye emva kokufunyanwa benetyala yiNkundla yeNgingqi yaseAliwal North ngokugqumza umntu abamthengisele indlu yeRDP ngeR150 000.
Iyonke imali efunakayo yiR80 000. UMantyi uyalele aba ceba ukuba mayiphelele yonke le mali ngomhla wesithandathu kwinyanga yeThupha ka2025.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seeHawks eMpuma Koloni, uWarrant Officer Ndimphiwe Mhlakuvana, ithi aba ceba, uMokhoabane Spetla Moahlodi (63) noMxolisi Mdumisa (44), babanjwa ziiHawks zaseMonti ngo2018, nabaye bavela kwangalo mini inye phambi koMantyi. Aba ceba baye bakhululwa ngebheyile yeR1000 umntu ngamnye.
Ingxelo iqhuba ithi kuTshazimpuzi ka2017, uMdumisa noMoahlodi bagqumza inkosikazi besithi baza kuyithengisela indlu yeRDP koko mayifake imali engangeR150 000 kwiakhawunti yabo, ngenene ixhoba lenza njalo, emva koko zaye zaqengqeleka iinyanga kwabe kungekho nto ithethisayo malunga nesithembiso sendlu.
Esi sibini saphuma singena enkundleni de sawiswa isigwebo nguMantyi weNgingqi eAliwal North kule veki sokuba yiminyaka emihlanu ngaphakathi ejele okanye babhatale iR80 000 phambi komhla wesithandathu kweyeThupha ka2025.
INtloko yeeHawks kwiPhondo, uMajor General Mboiki Obed Ngwenya, uqhwabele izandla iqela leeHawks, ekwalumkisa amagosa kaMasipala azibandakanya kubuqhophololo, ubuqhetseba nobusela.