Iindaba

Kumenywa iintsapho zabo babhubha elubhacweni

Siyabulela Mqikela|Published

UGayton McKenzie ubhengeze isicwangciso sokubuyiswa kwamathambo wabantu baseMzantsi Afrika ababeselubhacweni.

Image: BackpagePix

UMphathiswa weSebe lezeMidlalo, uLonwabo, uBugcisa neNkcubeko, uGayton McKenzie, umemelela ukuba zize ngaphambili iintsapho ezinabantu ababhubhela kumazwe angaphandle ababethathe inxaxheba kumzabalazo. 

Ingxelo yeSebe likaMcKenzie ithi eli linqanaba lesibini leli nyathelo lokubiyiswa kwamathambo woonyana neentombi zeli loMzantsi Afrika.

Ukusukela kwiminyaka yoo1950, abantwana beli bashiya amakhaya wabo besiya kuzimanya kunye nemibutho yezopolitiko equka iPAC, ANC kwakunye neAZAPO.

Kuthwa bangaphezulu kwamashumi amane abantu ekulindeleke ukuba bagrunjwe babuyiselwe ekhaya eMzantsi Afrika ababhubhele kumazwe aquka iZimbabwe, Lesotho, Swaziland, Zambia naseTanzania.

"Sikwinqanaba lesibini lale nkqubo, ngamawaka waka abantwana belizwe loMzantsi Afrika abanamathambo abo alele kwiindawo ezahlukeneyo zehlabathi, abanye babhubha bengaziwa, abanye babhubha bebotshiwe," kucacisa uMphathiswa uMcKenzie.

Esi sicwangciso siquka ukubuyiswa kwamathambo wabantu besizwe samaKhoi namaSan abakumashumi amahlanu anesibhozo ababesuka kwiphondo loMntla Koloni.

"Sikuthethwano noorhulumente, namaziko agcine la mathambo kwiindawo ezahlukeneyo zehlabathi ngeenjongo zokuba abuyele ekhaya aze angcwatywe ngendlela efanelekileyo," kutsho uMcKenzie.

Ukusukela oko wathi walawula urhulumente wesininzi kweli, waqalisa kwangoko ukuqokelela amathambo woonyana neentombi zoMzantsi Afrika ezingcwatyelwe kwezinye iindawo zehlabathi.

USarah Baartman ungumzekelo wabo bathi bafumana inyhweba yokubuyiselwa ekhaya waza wangcwatywa ngokutsha kwingingqi yaseGamtoos eMpuma Koloni.