UMphathiswa weMfundo ePhakamileyo noQeqesho, uGqirha Nobuhle Nkabane, uxolise ngendlela athe waziphatha ngayo kwiKomiti yasePalamente.
Image: GCIS
UMphathiswa weMfundo ePhakamileyo noQeqesho, uGqirha Nobuhle Nkabane, uxolise ngendlela athe waziphatha ngayo kwindibano yekomiti yasePalamente ejongene neMfundo ePhakamileyo ebibanjwe ekuqaleni kwale veki emva kokugxekwa nguMongameli uCyril Ramaphosa.
Kwinto ayibhalileyo kwikhasi lakhe likaX, uthe uye wacinga ngezenzo zakhe kwaye uyavuma ukuba "imeko ngeyiphathwe ngendlela eyahlukileyo."
UNkabane udibene neKomiti ebutsheni bale veki, ukuyocacisa ukuba kutheni etyumbe abantu abathile njengooSihlalo beeSector Education and Training Authorities (SETAs) ezingama21 kutshanje ze waphinda wabarhoxise kwezo zikhundla.
Nangona kunjalo, uNkabane utyholwa ngokunganikezi ngcaciso icacileyo malunga nokurhoxisa abo babetyunjiwe, watsho esithi nayiphi na inkqubo kufuneka iqinisekise ukuba ayiloxhoba lokubanjwa ngobhongwana kombuso okanye ilawulwe ngumbutho omnye wezopolitiko ngokumayelana nemibutho yezopolitiko exhaswa ngabo bakhethelwa isikhundla.
Ukwatyholwa ngokungamameli nokuxelela amaLungu ePalamente ukuba, nangona erhoxise ukutyunjwa kooSihlalo, le nkqubo yayingenaziphene. Elinye ilungu lada latsho ukuba akukho mntu unokumkholelwa.
URamaphosa uthe ngokungathanga ngqo lo Mphathiswa unike le nkqubo nePalamente igama elibi.
"Ukusasazwa kweenkqubo zePalamente kunye nokusasazwa komxholo nezimvo zoluntu ngezi nkqubo kufuna ukuba bonke abaPhathiswa namagosa aphezulu azi indlela yokuziphatha ngexesha lezi ngxoxo," utshilo uMongameli.
Iofisi kaRamaphosa ithe, "[UMongameli] ucele uMphathiswa ukuba amnike ingxelo ebanzi malunga nokuziphatha kwakhe kunye nomxholo wengxoxo yakhe nePalamente."
UNkabane uthe "uyiqaphele" ingxelo kaRamaphosa kunye neminye "imiba ephakanyiswe ngabathathi nxaxheba abohlukeneyo."
URamaphosa ukwathe ufuna ingxelo ngenkqubo ethathiweyo yokuchongwa kwamalungu ebhodi yeSETA neyinto ebuzwe kakhulu yiKomiti yePalamente. "Isicelo sale ngxelo kungenxa yokuba uMongameli ulindele ukuba abaPhathiswa, ooSekela baPhathiswa kunye nabaphathi abaphezulu kwicandelo likarhulumente baziphathe ngokufanelekileyo nangokuphandle xa bethethathethana nePalamente kunye namanye amaziko."
UNkabane uthe kwinto ayibhale kuX: "Ndithatha eli thuba ukuvakalisa ukuzibophelela kwam ekomelezeni ubudlelwane phakathi kweofisi yoMphathiswa, iSebe, kunye neKomiti yePalamente. Ndizimisele ukubethelela nokugcina ubudlelane bokusebenza obakhayo, obunentlonipho nobungcali kunye nawo onke amaLungu ePalamente."
UMphathiswa wongeze wathi, "Ayizange ibe ziinjongo zam ukungaphenduli ngezenzo zam okanye ukuthoba imigangatho yokuziphatha ePalamente. Ndiza kuqhubeka nokukhokela ngokuzithoba, kwaye ndiyixabisile indima ebalulekileyo yePalamente ekuboneleleni ngolongamelo ukuqinisekisa ukuba icandelo lethu linikezela ngeenkonzo ngokufanelekileyo ukuze kuxhamle bonke abemi boMzantsi Afrika."