Iindaba

AmaMpondo akhumbula amagorha aseNgquza

Siyabulela Mqikela|Published

Lo nyaka sisikhumbuzo seminyaka engamashumi amathandathu anesihlanu yendyikityha yaseNgquza.

Image: Nelson Mandela Museum

Umhla wesithandathu kwinyanga yeSilimela ngumhla obuhlungu kwisizwe samaMpondo nanjengoko esi sizwe sathi salahlekelwa ngamadoda alishumi elinanye kwidabi apho amaMpondo ayephikisa ukuzalwa kozimelegeqe waseTranskei. 

Emva kokujijisana norhulumente wamaBhulu wasePitoli, amaBhulu asebenzisa inqwelontaka ukudubula ebulala loo madoda kulo ntaba yaseNgquza eSiphaqeni. 

IKumkani emiyo kwesi sizwe, uSilosohlanga kaDakhile Sigcau, uza kuba esabelana ngeqonga kwakunye neNkulumbuso yeMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, kulo msitho. Othethe egameni lobuKumkani bamaMpondo, uNkosi uLeslie Sigcau, ucacisa banzi ngokulindelekileyo.

"IKumkani iza kubeka intyantyambo kwindawo eyenzeke kuyo esi siganeko enika imbeko kuloo madoda athi anikisa ngeempilo zawo eshiya iintsana zawo," kutsho uSigcau.

Ukanti, sicaphule intetho yeKumkani kwingxelo ebhaliweyo nekulindeleke ukuba yenziwe yiKumkani kulo mcimbi. 

"Umanyano olaboniswa ngoobawo mkhulu ngexesha ledabi laseNgquza yilento siyidingayo ngoku, ngaphezu kwazo zonke iingxaki esinazo, kufuneka ukuba sikhumbule ukuba silusapho lomntu omnye, sibanye maMpondo," utshilo uKumkani uSilosohlanga kaDakhile.

INkulumbuso yeMpuma Koloni minyaka le iba yinxalenye yesi sikhumbuzo egameni lorhulumente weMpuma Koloni. Ngaphambili, urhulumente weMpuma Koloni watyhila ilitye lesikhumbuzo enika imbeko kula madoda ngegalelo lawo edabini lenkululeko. 

Amagama ala magorha nanga: uMasipalati Nkomani, Wilson Ngobhe Nomaqwazi, Mcezulwa Ngwevu, Madusu Sandlobe, Gwava Zangube, Nwayi Singxesa Baka, Khwahla Majayinethi Motha, Khekani Gudlulwayo, Mfuya Mtholeni, Samani Mpambaniso, Shadrack Joji Dlamini, Rhawuzela Mdlungu Mtshudela kwakunye noVoxwana Maphamela Sheleni. Amanye amadoda abanjwa aze amanye kuwo ayakuxhonywa ePitoli ngenxa yenxaxheba yawo kweli dabi laseNgquza.