Iindaba

Ubomi kodlwengule udade wabo de wamkhulelisa

Tauriq Hassen|Published

Yindoda (42) ebizwa ngokuba ngu'bhuti' yaseNcerha eMonti egwetywe ubom emva kokuba idlwengule umntwana ona13 okhuliswa ngumama wakhe nokhulela phambi kwakhe.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Intwazana enama13 kuphela eminyaka ubudala yakhala ngesisu esibuhlungu umama wayo wayisa ekliniki, yothuka xa isiva ngoMongikazi ukuba umntwana uneenyanga ezintlanu zonke ekhulelwe, xa ibuzwa ngumama wayo ukuba ikhuleliswe ngubani, intwazana yaphendula ngelithi 'ngubhuti'. 

Umama wentwazana ayingomama wakhe omzalayo, ngumama wakhe omkhulisayo kweli khaya, ifoster mother ngelasemzini. 'Ubhuthi' (42), nelingachazwanga igama kuba kukhuselwa ixhoba, ugwetywe ubomi ngaphakathi ejele emva kokufunyanwa enetyala lokudwengula yiNkundla ePhakamilyo yaseMonti ngoMvulo kule veki.

Esi senzo sibhlungu sokudlwengulwa kwexhoba (13) senzeke kwikhaya labo eNcerha eMonti ukuqala kweyeNkanga ka2023 ukuya ku2024. Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seNPA, uLuxolo Tyali, ithi ixhoba lashiywa ngunina walo olizalayo likunye newele lalo beseneminyaka emithathu (3) kuphela abangamaziyo nabo. UMama wale ndoda ibanjiweyo wanikwa abantwana ukuba izikhulisele bona, abantwana aba umrhanelwa bemthatha njengobhuti wabo omdala nanjengoko bebekhulela phambi kwakhe kwaye kwikhaya elinye.

UTyali uthi umama wasa umntwana ekliniki kuba ekhala ngesisu esibuhlungu kanti sele eneenyanga ezintlanu ekhulelwe. Ingxelo iqhuba ithi umama wothuka woma kuba engazange qaphele tshintsho emzimbeni womntwana kuba ehleli engumntwana onesiqu esihle kwaye esikhulu. Ingxelo iqhube yathi, ixhoba lithi lalimana liphiwa imali eyiR10 xa egqiba lo mkhuba  'ubhuti' wakhe esithi angaxeleli mntu.

Sithetha nje ixhoba linomntwana oyinkwenkwe oneenyanga ezintandathu (6) nanjengoko sele labeleka.

'Ubhuti' ngethuba evela eMonti khange asokolise nkundla uye walivuma ityala kuba ebona ubungqina beDNA yokuba ungutata womntwana. Igqwetha lombuso uLuvuyo Vena uxelele inkundla ukuba nangona umrhanelwa elivumile ityala, oko akuthethi ukuba makanikwe isigwebo esilula nanjengokuba eshiye inxeba lanaphakade kwixhoba kwaye nomntwana oza kuba sisikhumbuzo unaphakade.

UMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni uBarry Madolo usiqhwabele izandla esi sigwebo. UMadolo ukwancome intsebenziswano koogxa bakhe ngokwenza umzekelo oqatha nakwabo bangekabhaqwa.