UMfundisi uTimothy Omotoso unikwe uphum' aphele kwaye akavumelekanga ukuba angene kweli loMzantsi Afrika isithuba seminyaka emihlanu.
Image: Raahil Sain / IOL
Ugxothiwe uMfundisi waseNigeria uTimothy Omotoso nangona ebezama ukulwela ukuhlala eMzantsi Afrika. ISebe lezeKhaya liqinisekise ukuba akavumelekanga ukuba abeke unyawo lwakhe kweli lizwe iminyaka emihlanu.
Ekuqaleni kwale veki, uMfundisi Omotoso ukhululwe yinkundla kamantyi waseMonti ukuze enze isicelo sokuba iSebe lezeKhaya liphinde lijonge isigqibo salo sokuba abhengezwe njengomntu ongavumelekanga kweli. Oku kulandela ukubanjwa kwakhe eMonti ngenxa yokuba kweli lizwe ngokungekho mthethweni ngenxa yeVisa yakhe ephelelwe lixesha.
Emva kwemini namhlanje ngeCawe, uMfundisi Omotoso umke kweli loMzantsi Afrika ngenqwelomoya kwisikhululo seenqwelomoya iOR Tambo eGoli.
"UMphathiswa weSebe lezeKhaya usikhabile isicelo esifakwe nguOmotoso ngokwecandelo 8(7) womthetho i-Immigration Act efuna ukutshintsha isigqibo sangaphambili seSebe sokumbhengeza njengomntu ongavumelekanga [eMzantsi Afrika].
"Esi sigqibo sikaMphathiswa sithetha ukuba uOmotoso ulapha eMzantsi Afrika ngokungekho mthethweni. Ulishiya eli uOmotoso engumntu ongavumelekanga kakade kwaye ngenxa yokuba ebelapha ngokungekho mthethweni, unikwe isaziso njengomntu ongafunekiyo, nto leyo ethetha ukuba akazukwazi ukubuyela kweli lizwe iminyaka emihlanu," sitshilo isithethi seSebe lezeKhaya uSiya Qoza.
Xa iminyaka emihlanu iphelile, iSebe liqinisekise ukuba lo Mfundisi waseNigeria kuya kufuneka afake isicelo sokuphakamisa ukubhengezwa kwakhe njengomntu ongavumelekanga ngokwecandelo 29 womthetho i-Immigration Act.