Iindaba

Amaxabiso epetroli aza kwehla kule nyanga

Cwayita Nondula|Published

Isebe lezezimbiwa libhengeze ukuba ixabiso lepetroli liza kwehla kule nyanga kaCanzibe.

Image: Tumi Pakkies / Independent Newspapers

Umthwalo emagxeni abaqhubi beemoto uza kuthotywa ukusukela ngoLwesithathu njengoko amaxabiso azo zonke iintlobo zepetroli eza kuhla.

Oku kuza emva kokuba uMphathiswa weMithombo yeziMbiwa naMafutha, uGwede Mantashe ebhengeze uhlengahlengiso lwamaxabiso epetroli ngokusekwe kwiimeko zangoku zasekhaya nezamazwe ngamazwe ukususela ngoLwesithathu, umhla wesixhenxe kuCanzibe 2025.

Ixabiso lepetroli yohlobo lwe93 (ULP neLRP) liza kuhla ngeesenti ezingama22 ilitha, ngelixa ixabiso lepetroli yohlobo lwe95 (ULP neLRP) nalo liza kwehla ngeesenti ezingama22 ilitha.

Kusenjalo, ixabiso ledizili (0.05% sulphur) liza kuhla ngeesenti ezingama42 ilitha ze idizili (0.005% sulphur) yehle ngeesenti ezingama41 ilitha. Ixabiso leparafini (yasehoyilesi) liza kuhla ngeesenti ezingama31 ilitha nganye.

Ixabiso likazwelonke lokuthengiswa kweparafini liza kuhla ngeesenti ezingama41 kwaye ixabiso lentengiso yeLPGas liza kunyuka ngeesenti ezingama46 ngekhilogram enye.

ISebe likaMantashe lithe umyinge wexabiso leoyile ekrwada yeBrent lehlile ukusuka kwi71.04 yeedola zaseMelika ukuya kwi66.40 yeedola zaseMelika ngeli xesha liphantsi kovavanyo.

"Imfazwe yerhafu nezorhwebo eyaqalwa yiMelika iphakamise iinkxalabo zokudodobala koqoqosho lwehlabathi kunye nemfuno esezantsi yeoyile ekrwada, kunye nokugqithisela kwemveliso yeoyile evela kumazwe angengawo eOPEC (iqela lamazwe akhokelayo ekuveliseni ioyile navelisa athengise ioyile) kunye nokonyuka okulindelekileyo kwimveliso yeoli ngamalungu eOPEC +," litshilo iSebe.

ISebe liqhubekile lathi umyinge wamaxabiso emveliso yamafutha kumazwe ngamazwe epetroli nedizili ulandele ukwehla kwamaxabiso eoyile ekrwada ngelixa ixabiso leLPG linyukile ngenxa yamaxabiso aphezulu okuhambisa umthwalo ngokusebenzisa iinqanawa ngexesha lovavanyo.