Owayengoyena mntu mdala emhlabeni uInah Canabarro usweleke eneminyaka eyi116.
Image: Carlos Macedo/LongeviQuest
Unongendi kunye nomfundisi-ntsapho waseBrazil obengoyena mntu mdala emhlabeni, uSister Inah Canabarro, ubhubhe ngoLwesithathu eshekelwe ziiveki nje agqibe iminyaka eli117 nebezayidibanisa kule nyanga.
Ngokweengxelo, ibandla loonongendi baseTeresa, iCompany of Saint Teresa of Jesus, lithe uSister Canabarro ubhubhele kwikhaya lakhe ngenxa yobudala.
Ebezakuba neminyaka eyi117 kule nyanga kaCanzibe ngomhla wama27. Ngokutsho kweLongeviQuest, oyena mntu mdala ngoku emhlabeni nguEthel Caterham, inkosikazi yaseBritane eneminyaka eyi115.
Ngaphambili, uCanabarro wathi inkolo yakhe yobuKatolika yayisisizathu sokuphila kwakhe ixesha elide. Kuthiwa waqalisa umsebenzi wonqulo ngoxa wayeselula waza wachitha iminyaka emibini eMontevideo, eUruguay, ngaphambi kokuba afudukele eRio de Janeiro yaye ekugqibeleni waya kuhlala kwiphondo lakowabo eRio Grande do Sul.
Ngomhla wokuzalwa kwakhe xa wayegqiba iminyaka eyi110, wawongwa nguPope Francis. Wayengunongendi wesibini omdala owakhe wabalwa, emva kukaLucile Randon, owayengoyena mntu mdala emhlabeni de wasweleka ngo2023 eneminyaka eyi118.
NgokweLongeviQuest, uCanabarro wathatha isihloko soyena mntu mdala uphilayo emva kokusweleka kukaTomiko Itooka waseJapan kweyoMnga 2024. Ukwindawo yama20 njengoyena mntu mdala owakhe waphila, uluhlu apho indawo yokuqala ibanjwe yinkosikazi yaseFrance uJeanne Calment, nowasweleka ngo1997 eneminyaka eyi122, ngokutsho kweLongeviQuest.