Iindaba

Ivela enkundleni indoda etyholwa ngokudlwengula isihlobo

Zenande Maqubela|Published

Kubanjwe umrhanelwa ngezityholo zokudlwengula, nokuzama ukudlwengula izihlobo zosapho lwakhe.

Image: File

Amapolisa aseCacadu abambe avalela indoda enamashumi amabini anesibhozo (28) eminyaka, ngezityholo zokudlwengula nokuzama ukudlwengula, ngeCawa umhla we27 kule nyanga, eCacadu Extension.

Ngokwengxelo yamapolisa ekhutshwe nguCaptain Yolisa Mgolodela, usapho lwexhoba kuquka nexhoba bebeyinxalenye yomcimbi wesintu obubanjelwe eCacadu Extension, ngoMgqibelo, umhla we26 kuTshazimpuzi. Ixhoba nodade walo bebenikwe igumbi lokulala kweli khaya ngobusuku bomcimbi.

Ingxelo iqhuba ithi, malunga nentsimbi yesine ngentseni yangeCawa, ixhoba elineminyaka engamashumi amathathu anesibhozo (38), live kukho umntu olikhululayo, noye kamva walidlwengula. Ngenxa yokoyikisela ubomi balo, ixhoba khange likhale kuba lingazi ukuba umrhanelwa akanasixhobo na, nanjengoko igumbi elo bebelele kulo belimnyama.

Emva kokudlwengula ixhoba, umrhanelwa uye wagqithela kudade wexhoba oneminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28) nobelele kweli gumbi naye, noye wazilwela ngethuba umrhanelwa emkhulula iimpahla. Ngethuba kujijiswana, ixhoba liye lakwazi ukuphakama, ze lakhanyisa isibane endlini, nalapho lithe lafumanisa ukuba umrhanelwa sisihlobo sabo.

Kuye kwabizelwa abantu abadala kweli gumbi, nalapho umrhanelwa eye waxolisa, ekwacenga izihlobo zosapho lwakhe ukuba zingasibiki emapoliseni esi senzo, nanjengoko esahamba ematyaleni ngesinye isityholo sokudlwengula. Ixhoba lithe lazama ukubaleka, kodwa labanjwa.

Ukanti amapolisa aye abizwa, ze umrhanelwa wabanjwa. Kulindeleke ukuba lo mrhanelwa avele phambi kweNkundla kaMantyi eCacadu, namhlanje umhla we29 kuTshazimpuzi.

UMkomishinala weSithili uMajor General Rudolph Adolph, uthi uxhalabile kukwenyuka kweziganeko zobundlobongela ezisekelwe kwisini (Gender Based Violence), kwaye unethemba lesigwebo esifanele esi senzo xa umrhanelwa efunyanwa enetyala.