Iindaba

Uvela enkundleni unyana kwityala lokubulala unina!

Zenande Maqubela|Published

Hofmeyer Uvela enkundleni unyana otyholwa ngokubandakanyeka ekubulaweni komama wakhe

Image: Oselugcinweni

Ivela enkundleni namhlanje indoda eneminyaka engamashumi amane anesithathu (43), ngesityholo sokubandakanyeka kwayo ekubulaweni komama wayo, noneminyaka engamashumi asixhenxe anesithathu, eZwide, eHofmeyer.

Ngokwengxelo kaCaptain Namhla Mdleleni, malunga nentsimbi yeshumi kusasa ngeCawa, umhla we-6 kuTshazimpuzi, amapolisa athe asabela isikhalazo sokubulawa kothile kwindlu  eseZwide, eHofmeyer.

Ukugaleleka kwamapolisa kwindawo yexhwayelo, athe afumana umzimba ongasekhoyo womama osele ekhulile. Ixhoba eli laziswe njengoNolungephi Stuurman, nominyaka ingamashumi asixhenxe anesithathu (73).

Iqela labaphandi sele liqalile ukuphanda ityala lokubulala, kwanokulandela umkhondo.

Ukanti ngoMvulo, umhla we-7 kuTshazimpuzi, amapolisa athe abamba avalela unyana walo mama ngezityholo zokubandakanyeka kwakhe kwesi senzo sokubulala.

Umrhanelwa uvela eNkundleni kaMantyi eHofmeyer, namhlanje, ngesityholo sokubulala.

Uvela enkundleni unyana kwityala lokubulala unina!