UKumkanikazi uNobandla Sigcau.
Image: File
Emva kwedabi elithathe ixesha enkundleni ephakamileyo eMthatha phakathi kobuKumkani bamaMpondo eNdimakude kunye neqela elivukela obu buKumkani elikhokelwe nguNkosana uDumelani Sigcau, inkundla igwebile.
UNkosana uDumelani Sigcau neqela lakhe bafaka isikhalazo enkundleni besithi akwamkelekanga ukubambela kukaKumkanikazi uNobandla Sigcau obambele emva kokukhothama kukaKumkani uZanozuko Sigcau. Inkundla yomgaqosiseko eMthatha igwebe ngelithi makaqhubeke uNobandla njengebambela lobuKumkani bamaMpondo.
UKumkanikazi uNobandla Sigcau ubambele kwesi sikhundla ngeenjongo zokuba xa kufike ixesha kuthathwe isigqibo ngoyena ufanelekileyo ukuba athabathe ingubo yobukhosi. Ababemele ubuKumkani bamaMpondo nabebephikisana nesikhalazo sikaDumelani Sigcau, nguKumkanikazi uNobandla Sigcau, Nkosi Nzululwazi Jongilanga Sigcau kwakunye noNkosazana Stella Sigcau wesibini.
"Enye yezinto ibifunwa leli qela likaNkosana uDumelani Sigcau kukuphikisa isigqibo seKhomishini kaGqirha Mndende eyafumanisa ukuba abakho kwizindlu ezisemthethweni zobuKumkani bamaMpondo (Dumelani)," ucacise watsho uNkosazana uStella Sigcau.
Ingxelo ithi oku kwenzeka logama obuKumkani bamaMpondo bukwiphulo lokuba kuqhutyelwe phambili neenkqubo zokubuyisa uxolo nenzolo kwisizwe sikaKumkani uFaku.
"Sikwaqale ukuthethana malunga nesikhumbuzo sikaKumkani uFaku nesinqwenela ukuba ibe sisikhumbuzo esiza kuqhutywa rhoqo ngonyaka," kucacisa uStella Sigcau.
Amathambo kaKumkani uFaku alele kumhlaba waseQawukeni ekunye nawonyana wakhe uKumkani uMqikela, Marhelane, Mandlonke, Jongilizwe kwakunye noThandizulu kaSigcau.
"Ngesi sikhumbuzo sikwajonge ukunika imbeko kwiiKumkani zonke zesizwe samaMpondo, sinqwenela ukusebenzisa oku ukukhuthaza umanyano kwisizwe samaMpondo, sikhuthaze ubunye sikwakhusela imbali yethu etyebe kangaka," kutsho uStella Sigcau.
Umhlaba wesizwe samaMpondo ngomnye otyebe ngokukodwa ngobuhle bendalo, ezolimo utyelelo nokhenketho olunokudlala indima ukukhulisa uqoqosho.
"Singundlunkulu wesizwe samaMpondo sisasiqwalasele isigqibo senkundla ephakamileyo, ngexesha elifanelekileyo siza kwazisa ukuba ngubani ofanelekileyo ukuba athathe esi sikhundla sobuKumkani, oko sakukwenza ngokusebenzisa amaqonga afanelekileyo silandela iinkqubo ezihambelana nesiko lesizwe samaMpondo," kutsho uStella Sigcau.
Related Topics: