Abarhanelwa ngethuba bevele enkundleni ngoMvulo.
Image: File
IGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) lidize ukuba liqinisiwe iphulo lokukhangelwa komrhanelwa weshumi elinanye kwityala lobuqhophololo bamakhadi akwaSASSA, nalapho abakwaSASSA beqinisekise ukuba umrhanelwa ngomnye wabasebenzi babo ababhinqileyo.
Isithethi sakwaSASSA uPaseka Letsatsi uxelele oonondaba ebebekwinkundla kamantyi eLenasia apho abarhanelwa abalishumi kwabarhanelwa abalishumi elinanye bebevele khona bezokufaka isicelo sebheyile ngoLwesibini.
"Asiyi kuyeka de babanjwe bonke aba bantu. Asizukuyeka ukukhangela. Sinabarhanelwa abalishumi okwangoku, kodwa abo bangabasebenzi bakwaSASSA basixhenxe, kwaye abathathu ngamalungu oluntu ebesebenzisana namagosa akwaSASSA, malunga nokugqumza uSASSA," utshilo.
NgoLwesibini, abarhanelwa abalishumi benxibe iimaski bavele enkundleni bezokufaka isicelo sebheyile. Abarhanelwa abalishumi ababanjwe ngoLwesihlanu malunga nokugqumza uSASSA ngaphezulu kwamakhulu amabini ezigidi zeerandi (R260 million) kubikwa ukuba benze iinkcukacha zomgunyathi kwaye benza ubuqhophololo bezazisi ukuze batsale imali kwiindawo ezahlukeneyo zokurhola zakwaSASSA.
Nanjengoko uphando lusiya luqina kufunwa umrhanelwa weshumi elinanye, uLetsatsi uveze ukuba amapolisa awazukushiya nelimdaka ngelikhangela umrhanelwa ongekabanjwa.
"Siyayazi ukuba kukho umrhanelwa ongekafunyanwa, kodwa siqinisekile ukuba ekugqibeleni amapolisa aza kumbamba," utshilo.
NgoMvulo, isithethi seNPA, uPhindi Mjonondwane, udize ukuba umbuso uza kuyichasa ibheyile kweli tyala nanjengoko unezizathu ezibambekayo ngakubamangalelwa.
iNPA ithi yongeze amatyala angaphezu kwewaka kwaye kungenzeka ukuba kongezwe amanye amatyala kwaye kukhangelwe nabanye abarhanelwa emva kokuba abarhanelwa abahlanu bevele ngezityholo zobusela, ubuqhophololo, kunye nokwaphula umthetho weCybercrime Act ngoMvulo.
"Siyayazi ukuba kungenzeka ukuba abanye abantu babanjwe kwaye siyazi kunokwenzeka ukuba songeze amanye amatyala kwizityholo esele zongeziwe," utshilo.
NgoMvulo, umbuso udize amagama abarhanelwa abahlanu bokuqala njengoPhumzile Dlamini, Paul Bones, Phumelele Myeza, Keamogetswe Ledwaba, noPhiwe Mkhuzangwe.
UBones, uDlamini, noMkhuzangwe babanjwe kwisebe lakwaSASSA eGoli ngoLwesihlanu, logama uLedwaba ebevalelwe kwindawo ahlala kuyo eSoweto, ukanti uMyeza kuthiwa uzinikezele kwabasemagunyeni ngeCawe.
Ityala lihlehliselwe umhla wokuqala kwinyanga kaTshazimpuzi ukuze kufakwe isicelo sebheyile ngokusesikweni, kujongwe ukuba kubanjwe omnye umrhanelwa ekubikwa ukuba uduke negama lakhe.